Bible Study: FrontPage




 

Jeremiah, Chapter 26

Bible Study - Jeremiah 26 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ekuqalekeni kobukumkani bukaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi, liphuma kuYehova, lisithi,
  
2. Utsho uYehova ukuthi, Yima entendelezweni yendlu kaYehova, uthethe kuyo yonke imizi yakwaYuda, eza kuqubuda endlwini kaYehova, onke amazwi endikuwisela umthetho wokuba uwathethe kubo; ungaphunguli zwi kuwo.
  
3. Mhlawumbi baya kuva, babuye elowo endleleni yakhe embi, ndizohlwaye ngenxa yobubi endicinga ukubenza kubo, ngenxa yobubi beentlondi zabo.
  
4. Uze uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe anandiphulaphula, nihambe ngomyalelo wam, endiwubeke phambi kwenu,
  
5. anawaphulaphula amazwi abakhonzi bam abaprofeti, endibathumela kuni, ndibathuma ndivuka kusasa, anaweva:
  
6. ndoyenza le ndlu ibe njengeShilo, ndiwenze lo mzi ube yinto yokutshabhiswa ezintlangeni zonke zehlabathi.
  
7. Babemva ke uYeremiya ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, ethetha la mazwi endlwini kaYehova.
  
8. Ke kaloku, ekugqibeni kukaYeremiya konke abewiselwe umthetho nguYehova ukuba akuthethe kubantu bonke, bambamba ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, bathi, Inene, uya kufa.
  
9. Yini na ukuba uprofete egameni likaYehova, usithi, Le ndlu iya kuba njengeShilo, lo mzi ube linxuwa, ungabi nabemi? Babizelwa ndawonye bonke abantu kuYeremiya endlwini kaYehova.
  
10. Baweva abathetheli bakwaYuda la mazwi, benyuka bemka endlwini yokumkani, baya endlwini kaYehova, bahlala phantsi ekungeneni kwesango elitsha likaYehova,
  
11. Ababingeleli nabaprofeti bathetha kubathetheli nakubantu bonke, besithi, Le ndoda ifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba iprofete ngalo mzi, njengoko nikuvileyo ngeendlebe zenu.
  
12. Wathetha uYeremiya kubathetheli bonke nakubantu bonke, esithi, UYehova undithume ukuba ndiprofete ngale ndlu nangalo mzi onke amazwi eniwavileyo.
  
13. Kaloku ke, lungisani iindlela zenu neentlondi zenu, niliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wenu; wozohlwaya uYehova ngenxa yobubi abuthethileyo ngani.
  
14. Ke mna, yabonani, ndisesandleni senu; yenzani kum njengoko kulungileyo, kuthe tye, emehlweni enu.
  
15. Kodwa ke yazini nazi oku: ukuba nithe nandibulala, inene, nobeka igazi elimsulwa phezu kwenu, naphezu kwalo mzi, naphezu kwabemi bawo; ngokuba, inyaniso, uYehova undithumele kuni, ukuba ndiwathethe la mazwi onke ezindlebeni zenu.
  
16. Bathi ke abathetheli nabantu bonke kubabingeleli nakubaprofeti, Le ndoda ayifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba ithethe kuthi egameni likaYehova uThixo wethu.
  
17. Kwesuka kwema amadoda kumadoda amakhulu elo zwe, athetha kulo lonke ibandla labantu, athi,
  
18. UMika waseMoreshete waprofeta ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, wathetha kubantu bonke bakwaYuda, esithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, IZiyon iya kulinywa ibe yintsimi, neYerusalem ibe yimiwewe, nentaba yendlu le ibe yimimango enehlathi.
  
19. Bambulala na ke uHezekiya ukumkani wakwaYuda namaYuda onke? Akoyikanga uYehova na, wambongoza uYehova, waza uYehova wazohlwaya ngenxa yobubi abebuthethile ngabo? Thina ke, senze na ububi obukhulu kwimiphefumlo yethu?
  
20. Kwaye kananjalo kuprofeta egameni likaYehova indoda engu-Uriya unyana kaShemaya, waseKiriyati-yeharim; waprofeta ngalo mzi nangeli lizwe, ngokwamazwi onke kaYeremiya.
  
21. Waweva ke ukumkani uYehoyakim, namagorha akhe onke, nabathetheli bonke, amazwi akhe; ukumkani wafuna ukumbulala. Weva u-Uriya, woyika, wasaba waya eYiputa.
  
22. Ukumkani uYehoyakim wathumela amadoda eYiputa, uElinatan unyana ka-Akebhore, enamadoda athile, baya eYiputa.
  
23. Bamrhola u-Uriya eYiputa, bamzisa kukumkani uYehoyakim; wambulala ngekrele, wasiphosa isidumbu sakhe emangcwabeni oluntu.
  
24. Kodwa isandla sika-Ahikam unyana kaShafan besinoYeremiya, ukuba anganikelwa esandleni sabantu ukuba abulawe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES