Bible Study: FrontPage




 

Jeremiah, Chapter 27

Bible Study - Jeremiah 27 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi kuYeremiya, liphuma kuYehova, lisithi:
  
2. Utshilo uYehova kum ukuthi, Zenzele izitropu needyokhwe, uzifake entanyeni yakho.
  
3. Wozithumela kukumkani wakwaEdom, nakukumkani wakwaMowabhi, nakukumkani woonyana baka-Amon, nakukumkani waseTire, nakukumkani waseTsidon, ngesandla sabathunywa abeze eYerusalem kuZedekiya ukumkani wakwaYuda;
  
4. ubawisele umthetho wokuba bathi ezinkosini zabo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yitshoni ezinkosini zenu ukuthi,
  
5. Mna ndilenzile ihlabathi, umntu lo, neenkomo eziphezu kwehlabathi, ngamandla am amakhulu, nangengalo yam eyolukileyo; ndalinika lowo kuthe tye emehlweni am ukuba ndilinike yena.
  
6. Kaloku ke mna ndiwanikele onke la mazwe esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, kwanamarhamncwa asendle ndiwanikele kuye ukuba amkhonze.
  
7. Ziya kumkhonza zonke iintlanga, yena, nonyana wakhe, nonyana wonyana wakhe, kude kufike ixesha lelakhe ilizwe; zimkhonze ke naye iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu.
  
8. Kuya kuthi, uhlanga nobukumkani obungayi kumhonza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, obungayifakiyo intamo yabo edyokhweni yokumkani waseBhabheli, ndiluvelele olo luhlanga ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa, utsho uYehova, ndide ndibagqibe ngesandla sakhe.
  
9. Musani ke nina ukubaphulaphula abaprofeti benu, nabavumisi benu, namaphupha enu, namatola enu, nabakhafuli benu; bona abo bathi kuni, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli.
  
10. Ngokuba baniprofetela ubuxoki, ukuze ndinikhwelelise kude nomhlaba wenu, ndinigxothe, nitshabalale.
  
11. Ke lona uhlanga oluya kuyingenisa intamo yalo edyokhweni yokumkani waseBhabheli, lumkhonze, ndoluyeka emhlabeni walo, luwusebenze, luhlale kuwo; utsho uYehova.
  
12. NakuZedekiya ukumkani wakwaYuda ndathetha ngokwaloo mazwi onke, ndathi, Zingeniseni iintamo zenu edyokhweni yokumkani waseBhabheli, nikhonze yena nabantu bakhe, niphile.
  
13. Yini na ukuba ufe, wena nabantu bakho, likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, njengoko akuthethileyo uYehova ngohlanga olungayi kumkhonza ukumkani waseBhabheli?
  
14. Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abathetha kuni, besithi, Aniyi kumkhonza ukumkani waseBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki.
  
15. Ngokuba andibathumanga, utsho uYehova; bona baprofeta ubuxoki egameni lam, ukuze ndinigxothe, nitshabalale, ninanabaprofeti abo baniprofetelayo.
  
16. Ndathetha kubabingeleli nakwaba bantu bonke, ndisithi, Utshilo uYehova ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti benu abaniprofetelayo, besithi, Yabona, impahla yendlu kaYehova iya kubehle ibuyiswe eBhabheli; ngokuba baniprofetela ubuxoki.
  
17. Musani ukubaphulaphula; mkhonzeni ukumkani waseBhabheli, niphile; yini na ukuba ube linxuwa lo mzi?
  
18. Ke ukuba bangabaprofeti, ke ukuba likho ilizwi likaYehova kubo, mabambongoze uYehova wemikhosi, ukuze impahla eseleyo endlwini kaYehova, nasendlwini yokumkani wakwaYuda, naseYerusalem, ingayi eBhabheli.
  
19. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kuzo iintsika, nangalo ulwandle, nangazo iinqwelwana, nangawo amasalela empahla eseleyo kulo mzi,
  
20. engathatyathwanga nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ekumfuduseni kwakhe uYekoniya, unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, eYerusalem, ukumsa eBhabheli, enabanumzana bonke bakwaYuda neYerusalem;
  
21. ewe, utsho uYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, ngempahla eseleyo endlwini kaYehova, nasendlwini yokumkani wakwaYuda, naseYerusalem, ukuthi,
  
22. Iya kusiwa eBhabheli ibe khona, ide ibe yimini yokuyivelela kwam, utsho uYehova; ndiyinyuse, ndiyibuyisele kule ndawo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES