Bible Study: FrontPage




 

Joshua, Chapter 19

Bible Study - Joshua 19 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Lavela iqashiso lesibini noSimon, nesizwe soonyana bakaSimon, ngokwemizalwane yabo. Ilifa labo laba phakathi kwelifa loonyana bakaYuda.
  
2. Elifeni labo baba neBher-sheba, neShebha, neMulada,
  
3. neHatsere-shuwali, neBhala, neAtsem,
  
4. ne-Eletoladi, neBhetuli, neHorma,
  
5. neTsikelage, neBhete-markabhoti, neHatsar-susa,
  
6. neBhete-lebhawoti, neSharuhen: imizi elishumi elinamithathu inemizana yayo;
  
7. iAyin, neRimon, ne-Etere, neAshan; imizi emine inemizana yayo,
  
8. nemizana yonke ejikeleze loo mizi, kwesa eBhahalatibhere (yiRama yelasezantsi ke leyo). Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo.
  
9. Laba sesabelweni soonyana bakaYuda ilifa loonyana bakaSimon; ngokuba isabelo soonyana bakaYuda sabagqitha. Oonyana bakaSimon babelwa ilifa phakathi kwelifa labo.
  
10. Lavela iqashiso lesithathu noonyana bakaZebhulon, ngokwemizalwane yabo.
  
11. Umda welifa labo wesa eSaridi, wenyuka umda wabo wasinga entshonalanga, wesa eMarala, wafikelela eDabhesheti, wahlangana nomlanjana okhangelene neYokeneham;
  
12. wabuya eSaridi, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya emdeni weKiseloti-tabhore, waphuma waya eDabherati, wenyuka waya eYafiya.
  
13. Wegqitha khona, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya eGati-hefere, e-Eti-katsin; waphuma waya eRimon, ehlaba iye eNeha.
  
14. Umda wayizunguleza ngasentla, waya eHanaton; ukuma kwawo, wema ngomfula waseIfeta-eli;
  
15. neKatati, neNahalali, neShimron, neIdala, neBhetelehem: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo.
  
16. Lilo elo ilifa loonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
  
17. Iqashiso lesine lavela noIsakare, noonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo.
  
18. Umda wabo wasinga kwiYizereli, neKesuloti, neShunem,
  
19. neHafarayim, neShihon, neAnaharati,
  
20. neRabhiti, neKishiyon, neAbhetse,
  
21. neRemeti, ne-En-ganim, ne-En-hada, neBhete-patsetse.
  
22. Umda wafikelela eTabhore, naseShahatsima, naseBhete-shemeshe, ukuma komda wabo, waya wema ngeYordan imizi elishumi elinamithandathu enimizana yayo.
  
23. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
  
24. Lavela iqashiso lesihlanu nesizwe soonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo.
  
25. Umda wabo waba yiHelekati, neHali, neBheten, neAkeshafi,
  
26. neAlameleki, neAmadi, neMishali; wafikelela eKarmele ngasentshonalanga, neShihore-libhenati.
  
27. Wabuya, wasinga ngecala eliphuma ilanga eBhete-dagon, wafikelela kwelakwaZebhulon, nakumfula waseIfeta-eli, ngasentla kweBhete-emeki, neNehiyeli; waphuma waya eKabhuli ngasekhohlo;
  
28. neHebron, neRehobhi, neHamon, neKana, wesa eTsidon enkulu.
  
29. Wabuya umda waya eRama, wesa emzini onqatyisiweyo oyiTire, wabuya umda waya eHosa; ukuma kwawo, waya wema ngolwandle, ngasesabelweni sika-Akezibhe;
  
30. neUma, neAfeki, neRehobhi: imizi emashumi mabini anamibini inemizana yayo.
  
31. Lilo elo ilifa loonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
  
32. Lavela iqashiso lesithandathu noonyana bakaNafetali, ileloonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo.
  
33. Umda wabo wathabathela eHelefe, eMiokini yaseTsahanayim, neAdami-nekebhe, neYabheneli, wesa eLakum; nokuma kwawo, wema ngeYordan;
  
34. wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenoti-tabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga.
  
35. Imizi enqatyisiweyo yaba yiTsidim, neTsere, neHamati, neRakati, neKinerete,
  
36. neAdama, neRama, neHatsore,
  
37. neKedeshe, ne-Edreyi, ne-En-hatsore,
  
38. neIron, neMigdali-eli, neHorem, neBhete-anati, neBhete-shemeshe: imizi elishumi elinesithoba inemizana yayo.
  
39. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaNafetali, ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
  
40. Lavela iqashiso lesixhenxe nesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo.
  
41. Umda welifa labo waba yiTsora, ne-Eshtawoli, neIre-shemeshe,
  
42. neShahalabhin, neAyalon, neItela,
  
43. ne-Elon, neTimnata, ne-Ekron,
  
44. ne-Eleteke, neGibheton, neBhahalata,
  
45. neYehudi, neBhene-bheraki, neGati-rimon,
  
46. neMeyarkon, neRakon, kunye nomda omalunga neYafo.
  
47. Umda woonyana bakaDan wema ngayo. Benyuka ke oonyana bakaDan, baya kulwa neLeshem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bayihlutha, bema kuyo, bathi ukuyibiza iLeshem kukwaDan, ngegama likaDan uyise.
  
48. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo, loo mizi inemizana yayo.
  
49. Bagqiba ke ukulaba ilizwe ngokwemida yabo. Oonyana bakaSirayeli bamnika uYoshuwa, unyana kaNun, ilifa phakathi kwabo.
  
50. Ngokomlomo kaYehova bamnika umzi awawubizayo, iTimnati-sera, ekweleentaba lakwaEfrayim. Wawakha loo mzi, wahlala kuwo.
  
51. Ngawo lawo amafa abawabayo ooElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise ezizweni zoonyana bakaSirayeli, ngamaqashiso eShilo, phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana. Bagqiba ke ukulaba ilizwe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES