Bible Study: FrontPage




 

Joshua, Chapter 20

Bible Study - Joshua 20 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wathetha uYehova kuYoshuwa, esithi,
  
2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Zimiseleni imizi yokusabela, endathetha ngayo kuni ngoMoses;
  
3. ukuba abalekele kuyo umbulali obulele umntu ngengozi engazi, ibe ziindawo zenu enobalekela kuzo ukusaba umphindezeleli wegazi;
  
4. abalekele komnye waloo mizi, eme ekungeneni kwesango lomzi, awathethe ezindlebeni zamadoda amakhulu aloo mzi amazwi akhe; amamkelele kuloo mzi, abe kuwo, amnike indawo, ukuba ahlale nawo.
  
5. Othi, xenikweni umphindezeleli wegazi amsukelayo, angamnikeli umbulali esandleni sakhe, ngokuba wambulala ummelwane wakhe engazi, ebengamthiyile ngaphambili.
  
6. Wohlala kuloo mzi ade eme phambi kwebandla, lithethwe ityala lakhe, ade afe umbingeleli omkhulu oya kubakho ngezo mini, andule umbulali ukubuyela emzini wakowabo, nasendlwini yakhe, emzini abebaleke ekuwo.
  
7. Bangcwalisa ke iKedeshe eGalili, ekweleentaba lakwaNafetali; nelakwaShekem kweleentaba lakwaEfrayim; neKiriyati ka-Arbha, ngowaseHebron ke lowo, kweleentaba lakwaYuda.
  
8. Naphesheya kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga, bamisa iBhetsere entlango, ethafeni, esizweni sakwaRubhen; neRamoti kwelaseGiliyadi, esizweni sakwaGadi; neGolan eBhashan, esizweni sakwaManase.
  
9. Yiyo leyo imizi eyamiselwa bonke oonyana bakaSirayeli, nowasemzini ophambukele phakathi kwabo, ukuba babalekele kuyo bonke abantu ababulele umntu ngengozi, ukuba bangafi sisandla somphindezeleli wegazi, bade beme phambi kwebandla.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES