Bible Study: FrontPage




 

Leviticus, Chapter 18

Bible Study - Leviticus 18 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
  
2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, NdinguYehova, uThixo wenu.
  
3. Ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe laseYiputa, enibe nihleli kulo; ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe lakwaKanan, endinisa kulo, ningahambi ngokwemimiselo yabo.
  
4. Ze nenze amasiko am, nigcine imimiselo yam, nihambe ngayo. NdinguYehova, uThixo wenu.
  
5. Nogcina imimiselo yam, namasiko am awothi umntu ozenzayo ezo nto aphile ngazo: ndinguYehova.
  
6. Umntu ngomntu aze angasondeli nakwinye inyama yenyama yakhe, ukuba atyhile ubuze bayo: ndinguYehova.
  
7. Ubuze bukayihlo, ubuze bonyoko, uze ungabutyhili: ngunyoko lowo; uze ungabutyhili ubuze bakhe.
  
8. Ubuze bomkayihlo uze ungabutyhili: bubuze bukayihlo obo.
  
9. Ubuze bodade wenu, intombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, izalelwe ekhaya, nokuba izalelwe emzini, uze ungabutyhili ubuze bayo.
  
10. Ubuze bentombi yonyana wakho, nobentombi yentombi yakho, uze ungabutyhili ubuze bayo; ngokuba ibubuze bakho.
  
11. Ubuze bentombi yomkayihlo ezalwa nguyihlo, ingudade wenu, uze ungabutyhili ubuze bayo.
  
12. Ubuze bodade boyihlo uze ungabutyhili: yinyama yoyihlo leyo.
  
13. Ubuze bonyokokazi uze ungabutyhili: kuba yinyama yonyoko leyo.
  
14. Ubuze boyihlokazi uze ungabutyhili, ungasondeli kumkakhe: ngunyokokazi lowo.
  
15. Ubuze bomolokazana wakho uze ungabutyhili: ngumka nyana wakho lowo; uze ungabutyhili ubuze bakhe.
  
16. Ubuze bomfazi womntakayihlo uze ungabutyhili: bubuze bomntakayihlo obo.
  
17. Ubuze bomfazi nentombi yakhe uze ungabutyhili; intombi yonyana wakhe, nentombi yentombi yakhe, uze ungayizeki, ukuba ubutyhile ubuze bayo: yinyama yakhe leyo; ngamanyala lawo.
  
18. Umfazi uze ungamzekeli phezu kodade wabo, ukuba ubandezele, ukuba ubutyhile ubuze bakhe phezu kwakhe, ekudleni kwakhe ubomi.
  
19. Uze ungasondeli emfazini, esekungcoleni kobunqambi bakhe, ukuba ubutyhile ubuze bakhe.
  
20. Uze ungamlali umfazi wommelwane, ukuba uzenze inqambi ngaye.
  
21. Embewini yakho uze unganikeli na mnye, ukuba acandiselwe uMoleki; ungalihlambeli igama loThixo wakho; ndinguYehova.
  
22. Uze ungayilali into eyindoda njengokuba kulalwa umfazi: ngamasikizi lawo.
  
23. Uze ungalali nanye into ezitho zine, ukuba uzenze inqambi ngayo; inkazana mayingazimisi phambi kwento ezitho zine, ukuze izekwe yiyo: kukuzingcolisa oko.
  
24. Musani ukuzenza iinqambi ngezo nto zonke; kuba zenziwa iinqambi ngezo nto zonke iintlanga endizigxothayo ebusweni benu.
  
25. Lenziwe inqambi nelizwe elo; ndiyabuvelela ubugwenxa babo phezu kwabo, nelizwe liyabahlanza abemi balo.
  
26. Ize niyigcine imimiselo yam namasiko am nina, ningenzi nalinye kuloo masikizi, kwaozalelwe ekhaya, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu.
  
27. Kuba onke loo masikizi bawenzile abantu belo zwe abaphambi kwenu, lenziwa inqambi ilizwe;
  
28. ukuze linganihlanzi ilizwe ngokulenza kwenu inqambi, njengoko liluhlanzileyo uhlanga oluphambi kwenu.
  
29. Ngokuba bonke abasukuba besenza nalinye kuloo masikizi, imiphefumlo elenzayo yonqanyulwa, ingabikho phakathi kwabantu bakowayo.
  
30. Ngoko ke ize nisigcine isigxina sam, ningenzi namnye ummiselo olisikizi owenziwa phambi kwenu, ningazenzi iinqambi ngawo: ndinguYehova, uThixo wenu.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES