Bible Study: FrontPage




 

Leviticus, Chapter 19

Bible Study - Leviticus 19 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
  
2. Thetha kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Yibani ngcwele; kuba ndiyiNgcwele mna, Yehova, uThixo wenu.
  
3. Yoyikani elowo unina noyise; nizigcine iisabatha zam: ndinguYehova, uThixo wenu.
  
4. Musani ukubheka kwiinto ezingeni; ningazenzeli izithixo ezityhidiweyo: ndinguYehova, uThixo wenu.
  
5. Xa nibingelela kuYehova umbingelelo woxolo, nobingelela ukuze unikholekise.
  
6. Wodliwa ngomhla wokubingelela kwenu nangengomso; okuseleyo kwada kwangumhla wesithathu kotshiswa ngomlilo.
  
7. Ukuba kuthe kwadliwa nokudliwa ngomhla wesithathu, kuyimbozisa; akuyi kukholekisa.
  
8. Ke okudlayo, wobuthwala ubugwenxa bakhe; ngokuba eyihlambele ingcwele kaYehova; loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo.
  
9. Ekuvuneni kwenu isivuno selizwe lenu, uze ungawavuni ugqibelele amacala entsimi yakho, ungabhikici lubhikico lokuvuna kwakho.
  
10. Uze ungasicholi isidiliya sakho; nento evuthulukileyo yomdiliya wakho uze ungayibhikici; woyishiyela olusizana nomphambukeli: ndinguYehova, uThixo wenu.
  
11. Ize ningebi; ize ningakhanyeli into niyazi; ize ningaxokisani.
  
12. Ize ningalifungi igama lam nixoka; ungalihlambeli igama loThixo wakho: ndinguYehova.
  
13. Uze ungamcudisi ummelwane wakho, uze ungaxhakamfuli; umvuzo womqeshwa uze ungalali kuwe kude kuse.
  
14. Uze ungasitshabhisi isithulu; uze ungabeki sikhubekiso phambi kwemfama; uze umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.
  
15. Ze ningenzi bugqwetha ekugwebeni; unganoneleli nomntu osweleyo, ungabeki buso basikhulu; womgweba ngobulungisa ummelwane wakho.
  
16. Uze ungahambi uyintlebi phakathi kwabantu bakowenu; uze ungalizondi igazi lommelwane wakho: ndinguYehova.
  
17. Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho; kanye womohlwaya ummelwane wakho, ungazithwalisi sono ngenxa yakhe.
  
18. Uze ungaphindezeli; uze ungabi nanqala koonyana babantu bakowenu; uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako; ndinguYehova.
  
19. Ize niyigcine imimiselo yam. Iinkomo zakho uze ungazizekisi kwiintlobo ezimbini; uze ungayihlwayeli intsimi yakho iintlobo ezimbini zembewu; nengubo yeentlobo ezimbini engumxube ize ingezi phezu kwakho.
  
20. Xa indoda ithe yayilala inkazana, ilikhobokazana eliganelwe indoda, lingakhululwanga ngokuhlawulelwa, lingaphiwanga nenkululeko: bobethwa; bangabulawa, ngokuba belingakhululekile.
  
21. Yolizisa idini letyala layo kuYehova emnyango wentente yokuhlangana, inkunzi yemvu, ibe lidini letyala;
  
22. ayicamagushele umbingeleli ngenkunzi leyo yemvu yedini letyala phambi koYehova ngenxa yesono sayo, eyone ngaso. Yosixolelwa ke isono sayo, eyone ngaso.
  
23. Xa nifikileyo ezweni elo, natyala yonke imithi edliwayo, nothi iziqhamo zayo zikukungaluki; zoba zezingalukanga kuni iminyaka emithathu, ize zingadliwa.
  
24. Ngowesine umnyaka, zonke iziqhamo zayo zoba ngumnikelo ongcwele wendumiso kuYehova.
  
25. Ngomnyaka wesihlanu nozidla iziqhamo zayo, ukuze zinongezele ungeniselo lwayo: ndinguYehova, uThixo wenu.
  
26. Ize ningadli nto inegazi. Ize ningahlabi sihlabo; ize ningabi ngamatola.
  
27. Ze ningazichebi nizizungeleze iintlontlo zentloko yenu; ungaloni udini lweendevu zakho.
  
28. Ize ningazicenti inyama yenu ngenxa yomfi, ningenzi mbhalo wamvambo kuni: ndinguYehova.
  
29. Musa ukuyihlambela intombi yakho, uyenze ihenyu, ukuze ilizwe lingahenyuzi, lingazali ilizwe ngamanyala.
  
30. Gcinani iisabatha zam, niyoyike ingcwele yam: ndinguYehova.
  
31. Musani ukubheka kwabanemishologu; musani ukubafuna oosiyazi, ukuze nenziwe inqambi ngabo: ndinguYehova uThixo wenu.
  
32. Suka ume ebusweni bengwevu, ububeke ubuso bexhego, umoyike uThixo wakho: ndinguYehova.
  
33. Xa umphambukeli aphambukela kuni ezweni lenu, ize ningambandezeli.
  
34. Kuni woba njengozalelwe phakathi kwenu ekhaya, umphambukeli ophambukele kuni; uze umthande ngoko uzithanda ngako; ngokuba nibe ningabaphambukeli ezweni laseYiputa: ndinguYehova, uThixo wenu.
  
35. Ize ningenzi bugqwetha ekugwebeni nasekulinganiseni ubude, nobunzima, nokuzala kwento.
  
36. Noba nezikali zobulungisa, namatye obulungisa, ne-efa yobulungisa, nehin yobulungisa. NdinguYehova, uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa.
  
37. Ize niyigcine imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze: ndinguYehova.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES