Bible Study: FrontPage




 

Matthew, Chapter 20

Bible Study - Matthew 20 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kuba ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe.
  
2. Akuvumelana nabasebenzi ngedenariyo ngemini, wabathuma esidiliyeni sakhe.
  
3. Ephume malunga nelixa lesithathu wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi.
  
4. Wathi nakwabo, Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke baya.
  
5. Wabuya waphuma malunga nelixa lesithandathu nelesithoba, wenza kwangokunjalo.
  
6. Ephumile ke malunga nelixa leshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengasebenzi; athi kubo, Yini na ukuba nime apha imini iphela ningasebenzi?
  
7. Bathi kuye, Akukho bani usiqeshileyo. Athi kubo, Hambani nani niye esidiliyeni; niya kwamkela okusukuba kufanelekile.
  
8. Kwakuhlwa, uthi umninisidiliya egoseni lakhe, Babize abasebenzi, ubamkelise, uqala kwabokugqibela ude uye kwabokuqala.
  
9. Bezile abo bebeqeshwe malunga nelixa leshumi elinanye, bamkela elowo idenariyo.
  
10. Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo.
  
11. Beyamkele ke, bamrokrela umninindlu,
  
12. besithi, Aba bokugqibela basebenze ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini.
  
13. Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?
  
14. Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako.
  
15. Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndilungile mna?
  
16. Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.
  
17. Ke kaloku enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini babodwa endleleni, wathi kubo,
  
18. Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubo ababingeleli abakhulu nababhali. Baya kumgweba ukuba afe,
  
19. bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
  
20. Ngelo xesha kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi, enoonyana bakhe, equbuda, ecela into kuye.
  
21. Wathi ke yena kuye, Uthanda ntoni na? Athi kuye, Yitsho baze aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho.
  
22. Uphendule ke uYesu wathi, Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi kuye, Sinako.
  
23. Athi kubo. Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kum, nangasekhohlo kum, asikwam ukupha ngako; kophiwa abo kulungiselwe bona nguBawo.
  
24. Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini.
  
25. Ke kaloku uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nabo bazizikhulu benza ngegunya kuzo.
  
26. Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;
  
27. nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkonzi wenu;
  
28. kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
  
29. BakubonÂ’ ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu.
  
30. Nanko kuhleli iimfama zimbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
  
31. Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
  
32. Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?
  
33. Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu.
  
34. Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo; zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES