Bible Study: FrontPage




 

Matthew, Chapter 21

Bible Study - Matthew 21 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kuthe, xa babesondele eYerusalem, befikile eBhetefage, kwiNtaba yemiNquma, uYesu wesusa abafundi bababini,
  
2. esithi kubo, Yiyani emzaneni lo ukhangelene nani; kwaoko nofumana iesile libotshelelwe linethole, likhululeni nilizise kum.
  
3. Nokuba kukho othe wathetha into kuni, nothi, Ayafuneka eNkosini; wothi ke awathumele kwaoko.
  
4. Ke kaloku oku konke kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,
  
5. Yithini kwintombi uZiyon, Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, Enobulali, ekhwele e-esileni, ilithole ke, Inkonyana yento ebotshwayo.
  
6. Baya ke abafundi, benza ngoko wayebamisele ngako uYesu,
  
7. balizisa iesile nethole, babeka iingubo zabo phezu kwawo, bamhlalisa phezu kwazo.
  
8. Yathi ke inkoliso yezihlwele yazandlala iingubo zayo endleleni; baye abanye bexhuzula amasebe emithini, bewandlala endleleni.
  
9. Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!
  
10. Akungena eYerusalem, wonke umzi wazamazama, usithi, Ngubani na lo?
  
11. Bathi ke abantu, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili.
  
12. Wangena uYesu etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabananisi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe;
  
13. athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.
  
14. Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa.
  
15. Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide: basuka bacaphuka,
  
16. bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele udumiso?
  
17. Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona.
  
18. Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.
  
19. Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; athi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wasuka woma kwaoko umkhiwane lowo.
  
20. Bakukubona oko abafundi, bamangaliswa, besithi, Utheni na ukoma msinya kangakanana umkhiwane?
  
21. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; kosuka, nokuba nithe kule ntaba, Thabatheka uphoseke elwandle, kwenzeke.
  
22. Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.
  
23. Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? Kananjalo ngubani na okunike eli gunya?
  
24. Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto:
  
25. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na, emazulwini, ebantwini, sini na? Bacamanga ke bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
  
26. Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, soyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti.
  
27. Bamphendula uYesu bathi, Asazi. Wathi naye kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
  
28. Nithini na ke nina? Umntu wayenabantwana ababini; weza kowokuqala wathi, Mntwana wam, yiya kusebenza namhla esidiliyeni sam.
  
29. Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya.
  
30. Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; akaya.
  
31. Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Ngowokuqala. Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi.
  
32. Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye.
  
33. Yivani omnye umzekeliso. Bekukho umninindlu othile owatyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.
  
34. Kuthe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso.
  
35. Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye.
  
36. Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo.
  
37. Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.
  
38. Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe.
  
39. Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala.
  
40. Xa athe weza ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?
  
41. Bathi kuye, uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo.
  
42. Athi kubo uYesu, Anizanga nilese na ezibhalweni ukuthi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu?
  
43. Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo.
  
44. Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola.
  
45. Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo.
  
46. Bathi befuna ukumbamba, boyika abantu, ekubeni ke babebambe ukuthi ungumprofeti.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES