Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 16

Bible Study - Proverbs 16 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Zezomntu izicwangciso zentliziyo; Ke yona impendulo yolwimi ivela kuYehova.
  
2. Zonke iindlela zendoda ziqaqambile kwawayo amehlo; Ke yena umlinganisi womoya nguYehova.
  
3. Qengqela kuYehova izenzo zakho, Zizimaseke iingcinga zakho.
  
4. Zonke izinto uYehova uzenzele intsingiselo yakhe, Kwanongendawo umenzele imini yobubi.
  
5. Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo; Kakade ke, ababi msulwa.
  
6. Ngenceba nenyaniso buyacanyagushelwa ubugwenxa; Ngokoyika uYehova umntu uyatyeka ebubini.
  
7. Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda, Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo.
  
8. Ilungile intwana encinane enobulungisa, Ngaphezu kolungiselo oluninzi olukunye nokungesesikweni.
  
9. Intliziyo yomntu icinga indlela yakhe; NguYehova oyalela ukunyathela kwakhe.
  
10. Izihlabo zisemilebeni yomlomo wokumkani: Mawungamenezi esikweni umlomo wakhe.
  
11. Isilinganiso nesikali esisesikweni sesika Yehova; Asisenzo sakhe onke amatye asengxoweni.
  
12. Lisikizi kubo ookumkani ukwenza okungendawo, Kuba itrone izinziswa bubulungisa.
  
13. Ukumkani uyakholiswa ngumlomo wobulungisa; Othetha okuthe tye uyathandwa.
  
14. Ubushushu bokumkani buzizithunywa zokufa; Ke indoda elumkileyo iyamcamagusha.
  
15. Ekukhanyeni kobuso bokumkani bubomi; Okuthandwa nguye kunjengelifu lemvula yasekwindla.
  
16. Ukurhweba ubulumko kungakanani na ukulunga kwako, ngaphezu kwegolide embiweyo! Nokurhweba ingqondo kungakanani na ukunyuleka kwako, ngaphezu kwesilivere!
  
17. Umendo wabathe tye kukutyeka ebubini; Ulondoloza umphefumlo wakhe ogcina indlela yakhe.
  
18. Ikratshi likhokela intshabalalo; Ukuzidla kukhokela ukukhubeka.
  
19. Kulungile ukuba nomoya othobekileyo phakathi kwabalulamileyo, Ngaphezu kokwaba amaxhoba nabanekratshi.
  
20. Oliqiqayo ilizwi uya kufumana okulungileyo; Okholose ngoYehova, hayi, uyolo lwakhe!
  
21. Ontliziyo ilumkileyo kuthiwa unengqondo; Nobumnandi bomlomo bongeza imfundiso.
  
22. Lithende lobomi ingqiqo kumniniyo; Ke lona uqeqesho lwezimathane kukumatha kwazo.
  
23. Intliziyo yesilumko iyawuqiqisa umlomo waso, Yongeze imfundiso emilebeni yomlomo waso.
  
24. Linqatha lobusi amazwi amnandi, Ayincasa emphefumlweni, ayimpiliso emathanjeni.
  
25. Kukho indlela ethe tye phambi komntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.
  
26. Ukulamba komxelengi kuyamxelengela, Ngokuba umlomo wakhe uyamqhuba.
  
27. Umntu olitshijolo umba ububi: Emlonyeni wakhe ngathi ngumlilo otshisayo.
  
28. Indoda ephendukayo ingenisa ingxabano; Nentlebi yahlula amakholwane.
  
29. Indoda egonyamelayo ihenda ummelwane wayo, Imhambise ngendlela engalungileyo.
  
30. Ocima amehlo akhe, kukuba acinge impenduka; Oluma umlomo wakhe ugqibe ububi.
  
31. Isithsaba sokuhomba zizimvi, Sifunyanwa endleleni yobulungisa.
  
32. Ozeka kade umsindo ulunge ngaphezu kwegorha; Okulawulayo ukufutha kwakhe ulunge ngaphezu kothimba umzi.
  
33. Umntu uphosa iqashiso esondweni lengubo, Ke ukugqitywa kwalo konke kunoYehova.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES