Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 17

Bible Study - Proverbs 17 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Iqhekeza elomileyo lesonka, kunye nokuchulumacha, lilungile Ngaphezu kwendlu ezele yimibingelelo, enembambano.
  
2. Umkhonzi onengqiqo uya kumlawula unyana owenza okuziintloni, Ahlule ilifa phakathi kwabazalwana.
  
3. Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere; iziko lelokunyibilikisa igolide; Umcikidi weentliziyo nguYehova.
  
4. Onobubi uwubazela indlebe umlomo onenkohliso, Uphulaphula ubuxoki obuselulwimini olweyeliselayo.
  
5. Ogculela ihlwempu ungcikiva uMenzi walo; Ovuyela inkxwaleko akabi msulwa.
  
6. Isithsaba samadoda amakhulu ngoonyana boonyana; Isihombo soonyana ngooyise.
  
7. Ayisifanele isidenge intetho ekhukhumeleyo; Yobeka phi na ke ukungalifaneli inene intetho ebubuxoki.
  
8. Sililitye elinqabileyo emehlweni omninilo isicengo, Apho asukuba ebheka khona, wenza ngengqiqo.
  
9. Ugubungela isikreqo ofuna uthando; Ophinda ayithethe into wahlula amakholwane.
  
10. Ukukhalinyelwa kuyangena konengqondo Ngaphezu kwemivumbo elikhulu kosisinyabi.
  
11. Oneenkani ufuna ububi bodwa; Ngoko ke uthunyelwa umthunywa osisijorha.
  
12. Kanye qubisana nebhere ehluthwe amathole ayo, Ungaqubisani nesinyabi ekumatheni kwaso.
  
13. Obuyekeza okubi esikhundleni sokulungileyo, Abuyi kusuka ububi endlwini yakhe.
  
14. Kukuvulela amanzi ukuqala kwengxabano; Yiyeke imbambano kungekavunganyewana.
  
15. Omgwebelayo ongendawo, kwanoligwebayo ilungisa, Bangamasikizi kuYehova bobabini.
  
16. Lelokwenzani na inani elisesandleni sesinyabi, lokurhweba ubulumko, Singenantliziyo nje?
  
17. Umhlobo uthanda ngamaxesha onke; Umzalwana uzalelwe imbandezelo.
  
18. Umntu oswele intliziyo ngobambana nomnye ngesandla, Ngomela umelo phambi kowabo.
  
19. Uthanda ukreqo othanda ukulwa; Owuphakamisayo umnyango wakhe ufuna ukuqhekeka.
  
20. Ontliziyo ijibilizayo akayi kukufumana okulungileyo; Ophenduka ngolwimi lwakhe weyela ebubini.
  
21. Ozala isinyabi uzizalela isingqala; Akanaluvuyo uyise wesidenge.
  
22. Intliziyo evuyileyo iyalungisa, ichachise; Umoya odakumbileyo uyawomisa amathambo.
  
23. Ongendawo wamkela isicengo esivela esondweni lengubo, Ukuze agqwethe indlela esesikweni.
  
24. Ubuso bonengqondo bubheke ebulumkweni; Ke amehlo esinyabi asekupheleni kwehlabathi.
  
25. Ububuhlungu bukayise unyana osisinyabi; Ububukrakra kumzalikazi wakhe.
  
26. Akulungile ukuhlawulisa nelungisa, Nokubetha amanene ngenxa yokuthe tye.
  
27. Owanqandayo amazwi akhe unokwazi: Omoya upholileyo yindoda enengqondo.
  
28. Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko; Singawuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES