Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 2

Bible Study - Proverbs 2 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam, Wayiqwebela kuwe imithetho yam,
  
2. Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho, Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho;
  
3. Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, Walisa ekuqondeni ilizwi lakho;
  
4. Ukuba uthe wabufuna njengesilivere, Wabumba njengobutyebi obuselelweyo:
  
5. Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, Ukufumane ukumazi uThixo,
  
6. Ngokuba uYehova upha ubulumko; Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.
  
7. Ubaqwebela uzimaso abathe tye, Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo,
  
8. Ukuze alondoloze umendo wesiko, Agcine nendlela yabakhe benceba.
  
9. Uya kwandula uqonde ubulungisa, Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo;
  
10. Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, Ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho.
  
11. Ukunkqangiyela kokugcina, Ukuqonda kokulondoloza;
  
12. Ukuba kukuhlangule endleleni embi, Kubantu abathetha impenduka;
  
13. Kwabashiya umendo wokuthe tye, Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama;
  
14. Kwabavuyela ukwenza ububi, Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi;
  
15. Abamendo ujibilizayo, Abathi gu bucala ngemikhondo yabo;
  
16. Ukuze uhlangulwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo;
  
17. Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe, Awulibale umnqophiso woThixo wakhe.
  
18. Kuba utshona ekufeni nendlu yakhe, Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo;
  
19. Bonke abangenayo kuye ababuyi, Abafiki kumendo wobomi:
  
20. Ukuze uhambe ngendlela yabalungileyo, Ugcine umendo wamalungisa.
  
21. Ngokuba abathe tye baya kulima ilizwe, Basale kulo abagqibeleleyo,
  
22. Banqunyulwe ezweni abangendawo, Abanginizayo bancothulwe kulo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES