Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 3

Bible Study - Proverbs 3 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Nyana wam, musa ukuwulibala umyalelo wam; Intliziyo yakho mayiyibambe imithetho yam;
  
2. Kuba iya kukongeza imihla emide, Neminyaka yobomi, noxolo.
  
3. Inceba nenyaniso mayingakushiyi; Zinxibe kuwe emqaleni; Zibhale elucwecweni lwentliziyo yakho,
  
4. Ubabalwe ube nengqiqo entle Emehlweni kaThixo nawabantu.
  
5. Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, Ungayami okwakho ukuqonda.
  
6. Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho.
  
7. Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; Yoyika uYehova usuke entweni embi.
  
8. Ukuphila kobakho enkabeni yakho, Nokuqina emathanjeni akho.
  
9. Mzukise uYehova ngobuncwane bakho, Nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke:
  
10. Ozala amaqonga akho bubuninzi, Nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha.
  
11. Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa, Ungakruquki sisohlwayo sakhe;
  
12. Kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya, Njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.
  
13. Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo!
  
14. Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere, Nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo.
  
15. Bunqabile bona ngaphezu kwekorale, Nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo.
  
16. Imihla emide isesandleni sabo sokunene, Kwesokhohlo sabo bubutyebi nozuko.
  
17. Iindlela zabo ziindlela ezimnandi, Wonke umendo wabo uluxolo.
  
18. Bungumthi wobomi kwababambelela kubo, Unoyolo obubambayo.
  
19. UYehova waliseka ihlabathi ngobulumko, Walizinzisa izulu ngengqondo.
  
20. Agqobhoka amanzi anzongonzongo ngokwazi kwakhe, Savuza umbethe isibhakabhaka.
  
21. Nyana wam, ezi nto mazingemki emehlweni akho: Londoloza uzimaso nomnkqangiyelo.
  
22. Zoba bubomi emphefumlweni, Nento entle emqaleni wakho.
  
23. Uya kwandula uhambe ngendlela yakho ukholosile. Lungabetheki unyawo lwakho.
  
24. Ukuba uthe walala, akuyi kunkwantya; Wolala, bube mnandi ubuthongo bakho.
  
25. Musa ukoyika lunkwantyiso luzayo ngesiquphe, Nasithonga sabangendawo, sakufika.
  
26. Kuba uYehova uya kuba yinqolonci yakho, Alugcine unyawo lwakho lungabanjiswa.
  
27. Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo, Kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza.
  
28. Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, wobuya uze, Ndokunika ngomso; Kanti unayo.
  
29. Musa ukuyila ububi ngommelwane wakho, Ehleli nawe yena ekholosile.
  
30. Musa ukubambana nomntu kungekho nto, Engakuphathanga kakubi nje.
  
31. Musa ukuyimonela indoda egonyamelayo, Unganyuli nanye kwiindlela zayo.
  
32. Kuba othi gu bucala ulisikizi kuYehova; Ke lunabathe tye ucweyo lwakhe.
  
33. Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo; Ke isithili samalungisa uyasisikelela.
  
34. Ngokubhekisele kubagxeki, uyabagxeka; Ke abalulamileyo uyabababala.
  
35. Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko; Ke izinyabi zamkela umrhumo wokucukucezwa.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES