Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 23

Bible Study - Proverbs 23 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli, Qonda uqonde lowo uphambi kwakho;
  
2. Ubeke isitshetshe emqaleni wakho, Ukuba ungumntu onombilini.
  
3. Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa; Kukudla kwenkohliso.
  
4. Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; Yeka okwakho ukuqonda.
  
5. Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje? Kuba bona buzenzela amaphiko, Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.
  
6. Musa ukudla ukudla koliso libi, Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;
  
7. Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa unjalo yena; Uthi kuwe, Yidla usele, Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;
  
8. Umthamo wakho owudlileyo uya kuwuhlanza, Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.
  
9. Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi; Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.
  
10. Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala; Ungangeni emasimini eenkedama;
  
11. Kuba umkhululi wazo womelele; Wobambana nawe yena ngobambano lwazo.
  
12. Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni, Neendlebe zakho entethweni yokwazi.
  
13. Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni; Ukuba uthe wambetha ngentonga akayi kufa.
  
14. Wombetha ngentonga, Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo.
  
15. Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho. Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo,
  
16. Zidlamke izintso zam Ekuthetheni komlomo wakho okuthe tye.
  
17. Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni; Ke mayizonde ukoyika uYehova imini yonke;
  
18. Inene, kukho ikamva, Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa.
  
19. Yiva, wena nyana wam, ulumke, Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni.
  
20. Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini, Naphakathi kwamadla-kudla;
  
21. Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka; Kona ukozela kwambesa amajacu.
  
22. Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo, Ungamdeli unyoko akuba mkhulu.
  
23. Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo; Nobulumko, noqeqesho, nengqondo.
  
24. Ugcoba kakhulu uyise welungisa; Ozele isilumko uyavuya ngaso.
  
25. Makavuye uyihlo nonyoko, Agcobe umfazi owakuzalayo.
  
26. Ndinike intliziyo yakho, nyana wam, Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.
  
27. Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi, Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.
  
28. Ude alale njengesihange, Awandise amanginingini eluntwini.
  
29. Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano? Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu? Anabani na amehlo anozizi?
  
30. Anabo balibala ewayinini, Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo.
  
31. Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela, Xa ibengezelayo endebeni, Xa ihla kamnandi;
  
32. Ukuphela kwayo iluma njengenyoka, Iluma njengerhamba.
  
33. Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini, Intliziyo yakho ithethe impenduka;
  
34. Ube njengolele esazulwini solwandle, Nanjengolele encotsheni yemasti;
  
35. Uthi, Bandibetha, andeva ntlungu; Bandintlitha, andaba nanto ndiyaziyo; Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES