Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 24

Bible Study - Proverbs 24 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Musa ukubamonela abantu abanobubi; Ungakunqweneli ukuba uhlale nabo.
  
2. Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa, Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula.
  
3. Indlu yona yakhiwa ngobulumko; Izinziswe ngengqondo;
  
4. Ngokwazi kuzaliswa amaqonga Bubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi.
  
5. Umfo osisilumko unamandla, Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu;
  
6. Ngokuba, ukhokelwe bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho; Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi.
  
7. Ubulumko bunqabile kwisimathane; Asiwuvuli umlomo waso esangweni.
  
8. Ocinga ngokwenza ububi, Lowo bathi ukumbiza nguMayelenqe.
  
9. Iyelenqe lesimathane sisono; Ulisikizi ebantwini umgxeki.
  
10. Uthe waphelelwa ngemini yembandezelo, Oba ebandezelwe amandla akho.
  
11. Hlangula abasiwa ekufeni; Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande.
  
12. Nokuba uthi, Yabona besingakwazi oko: Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na? Umgcini womphefumlo akakwazi na? Akayi kumbuyisela umntu ngokomsebenzi wakhe, yini na?
  
13. Yidla ubusi, nyana wam, kuba bulungile; Nencindi imnandi ekhuhlangubeni lakho.
  
14. Bazi ke ubulumko emphefumlweni wakho; Ukuba uthe wabufumana, kobakho ikamva, Linganqunyulwa ithemba lakho.
  
15. Wena ungendawo, musa ukulilalela ikhaya lelungisa, Ungasibhuqi isikhundla salo;
  
16. Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke; Ke abangendawo bakhubeka phantsi kwenkxwaleko.
  
17. Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho, Ingagcobi intliziyo yakho ekukhubekeni kwalo;
  
18. Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe, Awubuyise umsindo wakhe kulo.
  
19. Musa ukuvutha ngumsindo ngabenzi bobubi, Ungabamoneli abangendawo;
  
20. Kuba umenzi wobubi akayi kuba nakamva; Isibane sabangendawo siya kucinywa.
  
21. Nyana wam, moyike uYehova nokumkani, Ungazibandakanyi nabanokumbi;
  
22. Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo; Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?
  
23. Nala mazwi ngawezilumko: Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile.
  
24. Othi kongendawo, Ulilungisa wena, Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga.
  
25. Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo; Kubo koza intsikelelo enokulungileyo.
  
26. Wanga imilebe yomlomo Ophendula ngamazwi athe gca.
  
27. Lilungise ishishini lakho phandle, Uzisebenzele entsimini yakho; Emveni koko wakhe indlu yakho.
  
28. Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu; Ungasuka uthomalalise na nangomlomo wakho?
  
29. Musa ukuthi, Njengoko enze ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye, Ndiya kubuyisela indoda ngokomsebenzi wayo.
  
30. Ndagqitha entsimini yendoda elivila, Nasesidiliyeni somntu oswele ingqondo,
  
31. Ndafika simile imithuma sonke siphela; Ngaphezulu senile ngamarhawu, Nodonga lwaso lwamatye ludilikile.
  
32. Ndakhangela, ndasigqala ngentliziyo, Ndabona, ndamkela uqeqesho.
  
33. Ithi, Intwana yobuthongo, intwana yokozela, Intwana yokukhwabusha izandla ukuba ndilale:
  
34. Boza ubuhlwempu bakho njengomphangi; Nokuswela kwakho njengendoda enengweletshetshe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES