Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 27

Bible Study - Proverbs 27 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Musa ukuqhayisa ngemini yangomso; Kuba akukwazi okuya kuzalwa yimini.
  
2. Mawudunyiswe ngomnye, ingabi ngowakho umlomo; Mayibe nguwumbi, ingabi yeyakho imilebe yomlomo.
  
3. Linzima ilitye, ingumthwalo intlabathi; Ke yona ingqumbo yesimathane inzima kunezo nto zombini.
  
4. Ubujorha bunobushushu, umsindo sisiphango; Nekhwele, ngubani na onokuma phambi kwalo?
  
5. Kulungile ukohlwaywa ekuhleni Ngaphezu kothando olusitheleyo.
  
6. Akholekile amanxeba omhlobo; Kodwa yingxungxu ukwanga kotshaba.
  
7. Umphefumlo ohluthiyo ugqusha incindi yobusi; Umphefumlo olambileyo, yonke into ekrakra imnandi kuwo.
  
8. Njengentaka ephekuziweyo endlwini yayo, Injalo indoda ephekuziweyo ekhayeni layo.
  
9. Ioli nesiqhumiso sivuyisa intliziyo, Kwanobumnandi bomhlobo obuphuma ekucebiseni komphefumlo.
  
10. Musa ukumlahla umhlobo wakho nomhlobo kayihlo; Ungangeni endlwini yomzalwana wakho ngemini yokusindeka kwakho; Ulungile ummelwane okufuphi, kunomzalwana okude.
  
11. Yiba nobulumko, nyana wam, uyivuyise intliziyo yam; Ukuze ndimphendule ngezwi ondingcikivayo.
  
12. Onobuqili uyabubona ububi, azimele; Ke zona iziyatha zigqitha kubo, zohlwaywe.
  
13. Thabatha ingubo yakhe omele omnye; Menze isibambiso ngenxa yezinto zasemzini.
  
14. Osikelela ummelwane wakhe ngezwi elikhulu, evuka kwakusasa, Kubalelwa ekuthini uyamtshabhisa.
  
15. Uqhoqhozo oluxikileyo mini ngemvula, Nomfazi onengxabano, kuyafana;
  
16. Omnqandayo, unqanda umoya; Isandla sakhe sokunene sihlangabezene neoli.
  
17. Isinyithi silola isinyithi, Indoda ilola ubuso bowayo.
  
18. Olondoloza umkhiwane wodla isiqhamo sawo; Ogcine inkosi yakhe wozukiswa.
  
19. Emanzini, ubuso buyelelene nobuso; Injalo intliziyo yomntu kumntu.
  
20. Elabafileyo nenzonzobila azinakuhlutha, Namehlo omntu akanakuhlutha.
  
21. Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere, iziko lelokunyibilikisa igolide. Nendoda iya ngokokudunyiswa kwayo.
  
22. Nokuba uthe wasingqusha isimathane esingqushweni phakathi komngqusho ngentonga yokungqusha, Akuyi kusuka kuso ukumatha kwaso.
  
23. Khuthalela ukubazi ubume bempahla yakho emfutshane, Yibhekise intliziyo yakho emihlambini yakho.
  
24. Ngokuba ayingonaphakade ingqwebo; Nesithsaba sesezizukulwana ngezizukulwana, yini na?
  
25. Sithe tshabalala nje isikhotha, kuvela uhlaza, Ihlanganisiwe imifuno yeentaba:
  
26. Amatakane ngawokukwambesa, Ixabiso lentsimi ziinkunzi zeebhokhwe;
  
27. Amasi eebhokhwe alingene ukudla kwakho, nokudla kwendlu yakho, Nokuphila komthinjana wakho.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES