Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 28

Bible Study - Proverbs 28 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Basaba bengasukelwa nto abangendawo; Ke wona amalungisa akholosa njengengonyama.
  
2. Ngokreqo lwelizwe baba baninzi abathetheli balo; Ngomntu onengqondo, onokwazi, ukuzinza kwalo kuyoluka.
  
3. Umfo oyintloko ekucudiseni izisweli Yimwula etshayelayo, ingasalisi kudla.
  
4. Abashiya umyalelo badumisa abangendawo; Ke abawugcinayo umyalelo bayazixhokonxa ngabo.
  
5. Abantu abanobubi abakuqondi okusesikweni; Ke bona abamquqelayo uYehova baqonda izinto zonke.
  
6. Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo, Ngaphezu komjibilizi ondlela mbini, nakuba esisityebi.
  
7. Obamba umyalelo ngunyana onengqondo; Ke olikholwane labachithi uhlaza uyise.
  
8. Owongeza ubuncwane bakhe ngokudla abanye, nangolwandiso, Ubuthela obabala izisweli.
  
9. Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo, Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.
  
10. Obalahlekisayo abathe tye ngendlela enobubi, Kuya kweyela yena esihogweni sakhe, Bona abagqibeleleyo bakudle ilifa okulungileyo.
  
11. Ilumkile indoda esisityebi kwawayo amehlo; Ke isisweli esinengqondo siyayigocagoca.
  
12. Ekudlamkeni kwamalungisa kwanda uzuko; Ekuphakameni kwabangendawo, abaveli nokuvela abantu.
  
13. Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.
  
14. Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya; Ke yena ontliziyo ilukhuni uya kweyela ebubini.
  
15. Uyingonyama egqumayo, uyibhere ebhaduliswa kukulamba, Umlawuli ongendawo kubantu abazizisweli.
  
16. Hayi, inganga iswele ukuqonda, enokucudisa okuninzi! Othiye inzuzo embi wolula imihla yakhe.
  
17. Umntu onovalo ngegazi lomphefumlo Usabela nasemhadini makangabanjezelwa.
  
18. Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa, Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.
  
19. Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlutha sisonka; Osukela izinto ezingento uya kuhlutha bubuhlwempu.
  
20. Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi; Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.
  
21. Ukukhetha ubuso akulungile; Ngenxa yeqhekeza lesonka umntu angade aphosise.
  
22. Indoda eliso libi ikhawulezela ukutyeba; Ayazi ukuba ukuswela kuya kuyifikela.
  
23. Omohlwayayo umntu wothi kamva afumane ubabalo, Ngaphezu kocengacengayo ngolwimi.
  
24. Ophanga uyise nonina, athi, Asilukreqo, Ulidlelane lendoda engumonakalisi.
  
25. Omphefumlo ubawayo uxhaya ingxabano; Ke yena okholose ngoYehova uyatyetyiswa.
  
26. Okholose ngeyakhe intliziyo usisidenge; Ke yena ohamba ngobulumko uya kusinda.
  
27. Opha ihlwempu akasweli; Ke yena ofihla amehlo akhe uneengqalekiso ezininzi.
  
28. Ekuphakameni kwabangendawo bayasithela abantu; Ekutshabalaleni kwabo ayanda amalungisa.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES