Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 29

Bible Study - Proverbs 29 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Indoda eyohlwaywa futhi, iyenze lukhuni intamo yayo, Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.
  
2. Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu; Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.
  
3. Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.
  
4. Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko; Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.
  
5. Umfo ocengacenga ummelwane wakhe Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.
  
6. Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo; Ke lona ilungisa limemelela livuye.
  
7. Ilungisa liyalazi ibango lesisweli; Ke yena ongendawo akanangqondo yakulazi.
  
8. Amadoda agxekayo aphembelela isixeko; Ke zona izilumko ziyawudambisa umsindo.
  
9. Yakumangalelana indoda elumkileyo nesimathane, Soguguma sihleke, kungabikho kuthozama.
  
10. Amadoda amagazi ayabathiya abagqibeleleyo; Nabathe tye, afuna umphefumlo wabo,
  
11. Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.
  
12. Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki, Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.
  
13. Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana; Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.
  
14. Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso, Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.
  
15. Intonga nesohlwayo sinika ubulumko; Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.
  
16. Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo; Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.
  
17. Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, Awuyolise umphefumlo wakho.
  
18. Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu; Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!
  
19. Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi; Kuba siyaqonda, singakhathali.
  
20. Uyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo? Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
  
21. Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe Uya kwenelwa lukhula ekupheleni.
  
22. Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; Umntu onobushushu uzele lukreqo.
  
23. Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.
  
24. Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe; Uyasiva isishwabulo, angaxeli.
  
25. Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.
  
26. Baninzi abafuna ubuso bomlawuli; Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.
  
27. Indoda enobugqwetha lisikizi kumalungisa; Ondlela ithe tye lisikizi kongendawo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES