Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 4

Bible Study - Proverbs 4 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo, Nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda.
  
2. Kuba ndininika imfundiso elungileyo; Musani ukuwushiya umyalelo wam.
  
3. Kuba ndandingunyana kubawo, Ndithambile, ndimnye phambi koma.
  
4. Wandiyala ke, wathi kum, Intliziyo yakho mayiwabambe amazwi am; Gcina imithetho yam, uphile,
  
5. Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo; Musa ukulibala, ungathi gu bucala entethweni yomlomo wam.
  
6. Musa ukubushiya, bokugcina; Buthande, bokulondoloza.
  
7. Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko, Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo.
  
8. Bunonelele, bokuphakamisa; Bokuzukisa, xa uthe wabuwola.
  
9. Boyinika intloko yakho isangqawe esihle, Bokupha isithsaba sokuhomba.
  
10. Yiva, nyana wam, uyamkele intetho yam, Iba mininzi kuwe iminyaka yobomi.
  
11. Ndikuyalele indlela yobulumko, Ndikunyathelise emkhondweni wokuthe tye.
  
12. Ekuhambeni kwakho akayi kuxinana amabanga akho; Nokuba uthe wagidima, akuyi kukhubeka.
  
13. Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka; Lulondoloze, ngokuba lububomi bakho.
  
14. Musa ukungena emendweni wabangendawo, Unganyatheli endleleni yabanobubi.
  
15. Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo; Yicezele, ugqithe.
  
16. Kuba abalali, ukuba abathanga benze ububi; Bemkelwa bubuthongo ukuba abathanga bakhubekise abanye.
  
17. Kuba badla isonka sokungendawo, Basele iwayini yogonyamelo.
  
18. Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, Okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.
  
19. Indlela yabangendawo injengesithokothoko; Abayazi into abakhubeka kuyo.
  
20. Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am; Intetho yam yithobele indlebe yakho.
  
21. Mayingemki emehlweni akho; Yigcine entliziyweni yakho ngaphakathi.
  
22. Kuba ibubomi kwabayifumanayo, Nempiliso enyameni yabo yonke.
  
23. Nazintweni zonke zigcinwayo, londoloza intliziyo yakho; Kuba aphuma kuyo amathende obomi.
  
24. Kususe kuwe ukujibiliza komlomo, Nokuthi gu bucala komlomo kudedise kuwe.
  
25. Amehlo akho makakhangele athi gca, Neenkophe zakho zithi nzo kokuphambi kwakho.
  
26. Lungelelanisa umkhondo wonyawo lwakho, Zonke iindlela zakho zizimaseke.
  
27. Musa ukuthi gu bucala ngasekunene nangasekhohlo; Susa unyawo lwakho entweni embi.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES