Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 7

Bible Study - Proverbs 7 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Nyana wam, gcina intetho yam, Uyiqwebele kuwe imithetho yam.
  
2. Gcina imithetho yam, udle ubomi; Nesiyalo sam, njengokhozo lweliso lakho.
  
3. Yibophe eminweni yakho, Yibhale emacwecweni entliziyo yakho.
  
4. Yithi kubulumko, Ungudade wethu; Uthi, Ingqondo sisihlobo;
  
5. Ukuze ugcinwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho igudileyo.
  
6. Kuba ngefestile yendlu yam, Ndingasemva kwenqwanqwa, ndalunguza;
  
7. Ndabona phakathi kweziyatha, Ndaqonda phakathi kwamadodana, Umfana oswele intliziyo;
  
8. Ehambahamba esesitratweni, kufuphi nekhumbi lendlu yomkamntu, Enyathela ngendlela ngasendlwini yakhe;
  
9. Ngongcwalazi, ukumka komhla, Naphakathi kobusuku esithokothokweni.
  
10. Nanko umfazi emkhawulela, Enengubo yehenyukazi, enentliziyo enobuqhetseba.
  
11. Uyaphithizela, uyinjubaqa; Azihlali endlwini yakhe iinyawo zakhe.
  
12. Uthi ephandle, abe esezitratweni, Alale kufuphi neembombo zonke.
  
13. Wambamba ke, wamanga, Wayingwanyalala ubuso; wathi kuye,
  
14. Imibingelelo yoxolo ibiphezu kwam, Namhla ndizizalisile izibhambathiso zam.
  
15. Ngenxa yoko ndiphume ndeza kukukhawulela, Ndihle ndakufuna ubuso bakho; ndikufumene ke.
  
16. Umandlalo wam ndiwandlele ngemiqamelo, Ngeengubo ezimfakamfele zoluko lwaseYiputa;
  
17. Ndisifefe isilili sam Ngemore, nehaloti, nesinamon.
  
18. Yize ke sizikholise ngezincokoliso kude kuse, Sizidlamkise ngothando.
  
19. Kuba indoda ayikho ekhaya, Ihambe uhambo olude;
  
20. Iphethe ingxowa yemali; Yobuya ngosuku lokuhlangana kwenyanga ukuza ekhaya.
  
21. Wamthi gu bucala ngobuninzi bobuciko bakhe, Wamwexula ngokumcenga kwakhe.
  
22. Wamlandela ke ngesiquphe, Njengenkomo isiya ekuxhelweni, Njengesimathane sisiya kuqinwa ngamakhamandela,
  
23. Njengentaka ikhawulezela esibatheni; Ingazi ukuba oko kuyingozi kumphefumlo wayo, Lude utolo lusicande isibindi sakhe.
  
24. Ke ngoko, bonyana, ndiphulaphuleni, Niyibazele indlebe intetho yomlomo wam.
  
25. Intliziyo yakho mayinganxaxheli ezindleleni zakhe, Ungandwendweli emendweni wakhe.
  
26. Kuba zininzi iingxwelerha aziwisileyo; Linani elikhulu alibuleleyo.
  
27. Iziindlela zelabafileyo indlu yakhe, Zihla ziye ezingontsini zokufa.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES