Bible Study: FrontPage




 

Proverbs, Chapter 8

Bible Study - Proverbs 8 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Abumemezi na ubulumko? Nengqondo ayilikhuphi na ilizwi layo?
  
2. Emantloko eendawo eziphezulu ngasendleleni, Ekuhlanganeni kweendlela, buzimisile.
  
3. Ngasemasangweni, ekuphumeni kuso isixeko, Ekungeneni eminyango, buyamemelela, buthi:
  
4. Ndimemeza kuni, madoda; Izwi lam ndilisingisa koonyana babantu.
  
5. Buqondeni ubuqili, ziyatha; Yiqondeni intliziyo, zinyabi.
  
6. Yivani, kuba ndithetha izinto zobuhlalu, Nokuvula imilebe yomlomo wam kuthe tye.
  
7. Ngokuba umlomo wam uxela inyaniso; Okungendawo kulisikizi emilebeni yomlomo wam.
  
8. Yonke intetho yomlomo wam isebulungiseni; Kuyo akukho kubhijeneyo nokujibilizayo.
  
9. Yonke iphela ithe gca konengqondo, Ithe tye kwabafumene ukwazi.
  
10. Yamkelani uqeqesho lwam, ningamkeli silivere; Yamkelani ukwazi ngaphezu kwegolide embiweyo, enyuliweyo.
  
11. Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale, Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo.
  
12. Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini; Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo.
  
13. Ukoyika uYehova kukuthiya into embi: Ikratshi nokukratsha, nendlela embi, Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.
  
14. Likum icebo nozimaso; Ndiyingqondo, bobam ubugorha.
  
15. Ookumkani banobukumkani ngam; Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam.
  
16. Bathethela ngam abathetheli, Namanene, nabagwebi bonke behlabathi.
  
17. Abandithandayo ndiyabathanda nam; Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana.
  
18. Bunam ubutyebi nozuko, Ubuncwane obusisimakade nobulungisa.
  
19. Silungile isiqhamo sam ngaphezu kwegolide embiweyo, nakwengcwengekileyo; Lulungile ungeniselo lwam ngaphezu kwesilivere enyuliweyo.
  
20. Ndihamba ngomendo wobulungisa, Phakathi kweendlela ezisesikweni;
  
21. Ukuze abandithandayo ndibadlise ilifa elililo, Ndizizalise izindlu zabo zobuncwane.
  
22. UYehova wandivelisa ndaba yintlahlela yendlela yakhe, Ndaba ngowamandulo emisebenzini yakhe yakudala.
  
23. Ndamiswa kwasephakadeni, kwasentloko, Kwasemandulweni ehlabathi.
  
24. Ndazalwa kungekabikho manzi anzongonzongo, Kungekabikho mithombo inzima ngamanzi.
  
25. Ndazalwa kungekafakwa ntaba, Naphambi kweenduli;
  
26. Engekawenzi umhlaba namaphandle, Nothuli lonke lwelimiweyo.
  
27. Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho; Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo;
  
28. Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu; Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo;
  
29. Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo, Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe; Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi:
  
30. Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi, Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini;
  
31. Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke, Ndidlala kwelimiweyo ihlabathi lakhe; Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu.
  
32. Ke ngoko, bonyana, ndiveni; Hayi, uyolo lwabazigcinayo iindlela zam!
  
33. Yivani uqeqesho, nibe nobulumko, Ningaluyeki.
  
34. Hayi, utolo lomntu ondivayo, Elinde ezingcangweni zam iimini ngeemini, Egcine emigubasini yeminyango yam!
  
35. Kuba ofumana mna, ufumene ubomi; Uzuze okukholekileyo kuYehova.
  
36. Ophosana nam wona owakhe umphefumlo; Bonke abandithiyayo bathanda ukufa.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES