Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 38

Bible Study - Psalms 38 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Umhobe kaDavide: eyokukhumbuza. Yehova, musa ukundohlwaya unoburhalarhume, Ungandithethisi unobushushu:
  
2. Ngokuba iintolo zakho zitshone kum, Sehla kanzima kum isandla sakho.
  
3. Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam, ngenxa yokubhavuma kwakho; Akukho kuphila emathanjeni am, ngenxa yezono zam.
  
4. Ngokuba ubugwenxa bam bugqithile entlokweni yam, Bundisinda njengomthwalo onzima.
  
5. Iyanuka, iyabhiqiza imivumbo yam, Ngenxa yokumatha kwam.
  
6. Ndiyapenapena, ndisibekeke kakhulu; Yonke imini ndihamba-hamba ngezimnyama zokuzila.
  
7. Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam, Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam.
  
8. Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu; Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.
  
9. Nkosi yam, uphambi kwakho wonke umnqweno wam, Nokuncwina kwam akusithele kuwe.
  
10. Iphaphu lam liyabetha, ndiphelelwe ngamandla; Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum.
  
11. Abandithandayo nowethu bamele mgama ekubethweni kwam, Nezalamane zam zimi kude.
  
12. Bandithiyele abafuna umphefumlo wam; Abangxamele ukuba ndihlelwe bububi bathetha izinto zokweyelisela, Bacamanga inkohliso imini yonke.
  
13. Ke mna ndinjengesithulu, andiva; Njengesidenge esingawuvuliyo umlomo waso.
  
14. Ndinjengomntu ongeva nto, Omlomo ungenakuthethisa.
  
15. Ngokuba ndilindele kuwe, Yehova; Kuya kuphendula wena, Nkosi yam, Thixo wam,
  
16. Ngokuba ndithi, Hleze bandivuyelele Bona abo bangazikhulisayo kum ekutyibilikeni konyawo lwam.
  
17. Ngokuba ndihlalele ukujingxela, Umvandedwa wam uphambi kwam amaxesha onke.
  
18. Ngokuba ndiya kubuxela ubugwenxa bam; Ndinesithukuthezi ngenxa yesono sam.
  
19. Ke zona iintshaba zam ziphilile, ziziimfidi; Baninzi abandithiyileyo bexoka;
  
20. Abandibuyekeza ngobubi esikhundleni sokulungileyo Bayandichasa, ngenxa yokuphuthuma kwam okulungileyo.
  
21. Musa ukundishiya, Yehova; Thixo wam, musa ukuba kude nam.
  
22. Khawuleza undincede, Nkosi yam, Msindisi wam.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES