|
|
Psalms, Chapter 39
1. Kumongameli, kuYedutun. Umhobe kaDavide. Ndathi, Ndiya kuzigcina iindlela zam, Ndingoni ngolwimi lwam; Ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam, Xa ongendawo asephambi kwam.
2. Ndaba sisidenge, ndathozama, Ndazisulungisa nakokulungileyo; Wagxobha-gxobheka umvandedwa wam.
3. Yaba nobushushu intliziyo yam phakathi kwam, Ekucamangeni kwam wavutha umlilo. Ndathetha ke ngolwimi lwam,
4. Ndathi, Ndazise, Yehova, isiphelo sam, Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo; Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo.
5. Yabona, uyenze imihla yam yangangobubanzi besandla; Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho; Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.)
6. Uhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa; Baxokozela ngomphunga nje kodwa; Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa.
7. Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam? Ukulinda kwam kukuwe.
8. Ndihlangule elukreqweni lwam lonke; Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge.
9. Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli, Ngokuba oko kwenziwe nguwe.
10. Sisuse kum isibetho sakho; Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho.
11. Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa, Uyasonakalisa njengenundu isoya sakhe; Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)
12. Yiva umthandazo wam, Yehova, Kubekele indlebe ukuzibika kwam. Musa ukuthi tu ezinyembezini zam; Ngokuba ndingumphambukeli kuwe, Undwendwe, njengoobawo bonke.
13. Bheka phaya, ungandikhangeli, khendincumeze, Ndingekemki ndingabi sabakho.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|