|
|
Psalms, Chapter 47
1. Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Nonke zizwe, bethani izandla, Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela.
2. Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka; Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke.
3. Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe, Izizwe phantsi kweenyawo zethu.
4. Usinyulela ilifa lethu, Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)
5. UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo.
6. Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni, Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!
7. Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo; Mbetheleni ngeyokuqiqa.
8. UThixo nguKumkani weentlanga; UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele.
9. Amanene ezizwe ahlanganisene, Abantu boThixo ka-Abraham; Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo; Unyusiwe kakhulu yena.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|