Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 48

Bible Study - Psalms 48 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ingoma. Umhobe. Eyoonyana babaKora. Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene Emzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.
  
2. Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehla bathi lonke Intaba yaseZiyon, intlomo yasentla, Umzi woKumkani omkhulu.
  
3. UThixo, ezingxandeni zawo ezinde, Wazelwa ukuba yingxonde.
  
4. Kuba nabo ookumkani babenqophisene, Bawela beza kunye;
  
5. Bakuthi ukubona, abakhuluma; Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;
  
6. Babanjwa khona kukuthuthumela, Kukuzibhijabhija njengozalayo.
  
7. Ngomoya wasempumalanga Uyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.
  
8. Njengoko sikuvileyo, sibone kunjalo Emzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu: UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)
  
9. Sayikhumbula, Thixo, inceba yakho Phakathi kwetempile yakho.
  
10. Njengoko linjalo igama lakho, Thixo, Lunjalo udumiso lwakho, Kwesa eziphelweni zehlabathi; Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa.
  
11. Mayivuye intaba yaseZiyon, Agcobe amagxamesi akwaYuda, Ngenxa yezigwebo zakho.
  
12. Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze; Zibaleni iinqaba zayo ezinde.
  
13. Gqalani ungqameko lomsele wayo; Candani ezingxandeni zayo ezinde; Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo,
  
14. Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade, Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES