Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 49

Bible Study - Psalms 49 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kumongameli: eyoonyana bakaKora. Umhobe. Yivani oku, nina nonke zizwe; Bekani indlebe, nina nonke, bemi beli phakade,
  
2. Nina nyana boluntu, nani nyana bamadoda, Nina zityebi, nani mahlwempu kunye.
  
3. Umlomo wam uza kuthetha ubulumko; Nokucamanga kwentliziyo yam kukuqonda.
  
4. Ndiya kuyithobela emzekelisweni indlebe yam, Ndiya kuyivulela ngohadi intsonkotha yam.
  
5. Ndoyikelani na emihleni yobubi, Xa ubugwenxa babandibambisayo bundijikelayo?
  
6. Abo bakholose ngemfuyo yabo, Baqhayisa ngobuninzi bobutyebi babo.
  
7. Akukho bani unokukhulula umzalwana; Akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye
  
8. (Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo, Masincanywe ngonaphakade),
  
9. Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke, Angasiboni isihogo.
  
10. Ngokuba ubona izilumko zibhubha, Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala, Bayishiye nabanye imfuyo yabo.
  
11. Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade. Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana; Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.
  
12. Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala, Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.
  
13. Yiyo le indlela yabanyabileyo, Neyabo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)
  
14. Babuthe ngokweegusha kwelabafileyo; Ukufa kuyabalusa; Abathe tye bayabanyathela kwakusa; Isithomo sabo abo siyonakala kwelabafileyo, singabi nandawo yakuhlala.
  
15. Kodwa uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo, Ngokuba eya kundithabatha. (Phakamisani.)
  
16. Musa ukoyika, yakuba sisityebi indoda, Bakwanda ubuqaqawuli bendlu yayo:
  
17. Ngokuba ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento, Aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo.
  
18. Nakuba umntu ekudleni kwakhe ubomi ebewusikelela umphefumlo wakhe, Bekudumisa ngokuzichwayithisa kwakho,
  
19. Uya kuya noko esizukulwaneni sooyise; Abayikukubona ukukhanya naphakade.
  
20. Ke umntu onobuhandiba, abe engaqondi, Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES