|
|
Psalms, Chapter 53
1. Kumongameli: ngeyokhuzo. Eyokuqiqa; ekaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngobugqwetha babo; Akukho wenza okulungileyo.
2. UThixo esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Ofuna uThixo.
3. Bonke babuye umva, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye.
4. Abanakwazi na abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uThixo?
5. Apho bankwantya benkwantyile, phofu kungekho nto inkwantyisayo; Ngokuba uThixo wawathi saa amathambo omngqingi wakho; Wabadanisa, ngokuba uThixo ebebacekisile.
6. Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli! Ekubuyiseni kukaThixo abantu bakhe ekuthinjweni, Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|