|
|
Psalms, Chapter 75
1. Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela; Lisondele igama lakho; Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo.
2. Ngokuba uthi, Ndiya kwenza ngexesha elimisiweyo, Mna ndiya kugweba ngokuthe tye.
3. Liyetha amandla ihlabathi, nabemi balo; Ke mna, ndizizinzisile iintsika zalo. (Phakamisani.)
4. Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa; Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;
5. Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu, Ningathethi ngokusa, nolule intamo.
6. Ngokuba ugwebo aluveli empumalanga nasentshonalanga, Nasentlango yeentaba.
7. Hayi, nguThixo ogwebayo; Uyamthoba lo, amphakamise lowa.
8. Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova, Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo. Uthulula kuyo; ewe, iintlenga zayo Ziya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi.
9. Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade, Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;
10. Zonke iimpondo zabangendawo ndiya kuzixakaxa, Iimpondo zelungisa ziya kuphakanyiswa.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|