|
|
Psalms, Chapter 76
1. Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Waziwa kwaYuda uThixo, Likhulu kwaSirayeli igama lakhe.
2. Umnquba wakhe waba seSalem, Nekhaya lakhe eZiyon.
3. Wayaphula apho imibane yesaphetha, Ingweletshetshe, nekrele, nezixhobo zemfazwe. (Phakamisani.)
4. Ukhanyile, uyingangamsha ngaphezu kweentaba zokuqwenga.
5. Babhunyulwe abantliziyo iyimbalasane, Balala umlala kanye, Akazifumana izandla zawo onke amakroti.
6. Ekukhalimeni kwakho, Thixo kaYakobi, Kwasindwa bubuthongo iinqwelo zokulwa namahashe.
7. Unguwena wena woyikekayo; Ngubani na onokuma phambi kwakho, wakuba nomsindo?
8. Emazulwini usivakalisile isigwebo; Loyika ihlabathi, lazola,
9. Ekusukeni kukaThixo ukuba agwebe, Abasindise bonke abalulamileyo behlabathi. (Phakamisani.)
10. Ngokuba ubushushu bomntu buya kuba ngumbulelo kuwe; Uya kuwabhinqa amasalela obushushu.
11. Bhambathisani, nisizalise isibhambathiso kuYehova uThixo wenu; Bonke abamngqongileyo mabeze nezithabathaba kofanele kukoyikwa.
12. Uya kunqumla ukufutha kweenganga, Uyoyikeka kookumkani behlabathi.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|