Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 89

Bible Study - Psalms 89 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Eyokuqiqa kaEtan, umEzra. Iinceba zikaYehova ndiya kuvuma ngazo ngonaphakade, Kwizizukulwana ngezizukulwana ndiya kwazisa ukuthembeka kwakho ngomlomo wam.
  
2. Ngokuba ndithi, Yakheka ngonaphakade inceba; Amazulu, uya kukuzinzisa kuwo ukuthembeka kwakho.
  
3. Wathi, Ndenze umnqophiso nomnyulwa wam, Ndifungile kuDavide umkhonzi wam:
  
4. Ndiya kuyizimasa ngonaphakade imbewu yakho, Ndiyakhe itrone yakho kwisizukulwana ngesizukulwana. (Phakamisani.)
  
5. Amazulu abulela imisebenzi yakho ebalulekileyo, Yehova, Nokuthembeka kwakho ebandleni labangcwele.
  
6. Ngokuba ngubani na esibhakabhakeni olingana noYehova? Ngubani na ofana noYehova phakathi koonyana bakaThixo.
  
7. UThixo ongowokungcangcazelelwa ebhungeni elikhulu labangcwele, Ongofanelwe kukoyikwa ngaphezu kwabo bonke abamngqongileyo?
  
8. Yehova, Thixo wemikhosi, Ngubani na onjengawe, oluqilima, Yehova? Ukuthembeka kwakho kukungqongile.
  
9. Nguwena mlawuli wekratshi lolwandle; Ekuphakameni kwamaza alo uyawadambisa.
  
10. Nguwena mtyumzi kaRahabhi njengongxwelerhiweyo, Wazithi saa iintshaba zakho ngengalo yakho eqinileyo.
  
11. Lelakho izulu, likwalelakho ihlabathi; Elimiweyo nenzaliseko yalo lasekwa nguwe.
  
12. Umntla nomzantsi wadalwa nguwe; ITabhore neHermon zimemelela ngegama lakho.
  
13. Yeyakho ingalo enobugorha; Sithe nkqi isandla sakho, siphakamile esokunene sakho.
  
14. Ummiso wetrone yakho bubulungisa nokusesikweni; Inceba nenyaniso ilungiselela phambi kwakho.
  
15. Hayi, uyolo lwabantu abakwaziyo ukuduma! Baya kuhamba ekukhanyeni kobuso bakho, Yehova.
  
16. Baya kugcoba egameni lakho imini yonke, Baphakame ngobulungisa bakho.
  
17. Ngokuba isihombo samandla abo nguwe; Ekuthandeni kwakho, uphondo lwethu luphakamile.
  
18. Ngokuba ikuYehova ingweletshetshe yethu, UkoyiNgcwele kaSirayeli ukumkani wethu.
  
19. Wakha wathetha ngombono kowenceba wakho, wathi, Ndibeke uncedo egorheni, Ndiphakamise indodana ebantwini.
  
20. Ndifumene uDavide umkhonzi wam; Ndimthambisile ngeoli yam engcwele,
  
21. Esiya kuqinisela kuye isandla sam, Nengalo yam imkhaliphise.
  
22. Utshaba aluyi kumqubula; Nonyana wobugqwetha akayi kumcinezela.
  
23. Ndiya kubaqoba phambi kwakhe ababandezeli bakhe, Ndibaxabele abamthiyayo.
  
24. Inyaniso yam nenceba yam inaye; Luya kuphakama uphondo lwakhe egameni lam.
  
25. Ndiya kusisa elwandle isandla sakhe, EMilanjeni esokunene sakhe.
  
26. Yena ukundibiza wothi, UnguBawo, UnguThixo wam, neliwa lokundisindisa.
  
27. Kananjalo mna ndiya kumenza owamazibulo, Osenyangweni kookumkani behlabathi.
  
28. Ndiya kumgcinela inceba yam ngonaphakade, Umnqophiso wam unyanise kuye;
  
29. Ndiyimise ngonaphakade imbewu yakhe, Netrone yakhe ibe njengemihla yamazulu.
  
30. Ukuba bathe oonyana bakhe bawulahla umyalelo wam, Abahamba ngamasiko am;
  
31. Ukuba bathe bayihlambela imimiselo yam, Abayigcina imithetho yam:
  
32. Ndoluvelela ukreqo lwabo ngentonga, Nobugwenxa babo ngemivumbo.
  
33. Ke yona inceba yam andiyi kuyaphula kuye, Ndingaxoki ekuthembekeni kwam.
  
34. Andiyi kuwuhlambela umnqophiso wam, Ndiyijike into ephume emlonyeni wam.
  
35. Ndibufunge kwakanye ubungcwele bam, ndathi, Inene, andiyi kumxokisa uDavide;
  
36. Imbewu yakhe iya kubakho ngonaphakade, Netrone yakhe njengelanga phambi kwam.
  
37. Iya kuqiniseka njengenyanga ngonaphakade; Ingqina lasesibhakabhakeni lithembekile. (Phakamisani.)
  
38. Kwawena umhlambile, umcekisile, Umphuphumele ngomsindo umthanjiswa wakho;
  
39. Uthe nethe ngumnqophiso womkhonzi wakho; Usidyobhile emhlabeni isithsaba sakhe.
  
40. Uzityhobozile zonke iintango zakhe, Uzenze inxuwa iinqaba zakhe.
  
41. Bayamphanga bonke abadlula ngendlela, Waba yingcikivo kubamelwane bakhe.
  
42. Usiphakamisile isandla sokunene sabambandezelayo, Uzivuyisile zonke iintshaba zakhe.
  
43. Wabuyisa nokubuyisa uhlangothi lwekrele lakhe, Akwammisa emfazweni.
  
44. Umsusile enkazimlweni yakhe, Uyikhahlele emhlabeni itrone yakhe,
  
45. Uyinqumle imihla yobutsha bakhe, Wamthi wambu ngokudana. (Phakamisani.)
  
46. Kunini na, Yehova, uhleli uzisithelisile, Busitsha njengomlilo ubushushu bakho?
  
47. Khumbula ukunqamka kwam, into okuyiyo! Ubadaleleni na, baba yinto engento bonke oonyana babantu?
  
48. Yiyiphi na indoda ehleliyo, engayi kukubona ukufa, Enokuwusindisa umphefumlo wayo esandleni selabafileyo? (Phakamisani.)
  
49. Ziphi na iinceba zakho zangaphambili, Nkosi yam, Owamfungela zona uDavide ngokuthembeka kwakho?
  
50. Khumbula, Nkosi yam, ukungcikiveka kwabakhonzi bakho; Ndithwele esifubeni sam zonke izizwe ezininzi,
  
51. Ezingcikivayo, ziziintshaba zakho, Yehova; Ezingcikiva amanyathela omthanjiswa wakho.
  
52. Makabongwe uYehova ngonaphakade. Amen, amen.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES