Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 90

Bible Study - Psalms 90 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Umthandazo kaMoses, umfo wakwaThixo. Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi, Isizukulwana ngesizukulwana.
  
2. Kungekazalwa zintaba, Ungekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo, Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.
  
3. Umbuyisela umntu eluthulini, Uthi, Buyani, nyana babantu.
  
4. Ngokuba iwaka leminyaka emehlweni akho Linjengemini yezolo, xa idluleyo, Linjengomlindo wasebusuku.
  
5. Uyabakhukulisa, balale; Ngengomso babuya bahlume njengotyani.
  
6. Ngomso butyatyamba, bubuye buhlume; Ngokuhlwa buyasikwa bome.
  
7. Ngokuba siyaphela ngumsindo wakho, Sikhwankqiswe bubushushu bakho.
  
8. Ububeke ubugwenxa bethu phambi kwakho, Nesibufihlileyo ububeka ekukhanyiseleni kobuso bakho.
  
9. Ngokuba yonke imihla yethu isangene ngokuphuphuma komsindo wakho, Siyiphelisile iminyaka yethu njengentsebezo.
  
10. Imihla yeminyaka yethu iseminyakeni engamashumi asixhenxe; Ukuba ithe yaba mininzi kakhulu, iba yiminyaka emashumi asibhozo, Libe ke iqhayiya layo likukwaphuka nokungabi nto yanto, Ngokuba ithe phe yakhawuleza, saphaphazela semka.
  
11. Ngubani na owaziyo amandla omsindo wakho, Nokuphuphuma kwawo, ngoko ufanele ukoyikwa ngako?
  
12. Sazise kanye ukuyibala imihla yethu, Ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.
  
13. Buya, Yehova, kunini na? Uzohlwaye ngenxa yabakhonzi bakho.
  
14. Sihluthise kwakusasa ngenceba yakho, Simemelele, sivuye yonke imihla yethu.
  
15. Sivuyise ngangemihla owasicinezela ngayo. Ngangeminyaka esabona ububi ngayo.
  
16. Mayibonakale kubakhonzi bakho imisebenzi yakho, Nobungangamela bakho koonyana babo.
  
17. Ubumnandi bukaYehova mabube phezu kwethu. Zimasa isenzo sezandla zethu phezu kwethu, Isenzo sezandla zethu usizimase sona.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES