Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 92

Bible Study - Psalms 92 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Umhobe; ingoma, ngemini yesabatha. Kulungile ukubulela kuYehova, Nokulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni;
  
2. Ukuyixela kwakusasa inceba yakho, Nokunyanisa kwakho ebusuku,
  
3. Ngoweentambo ezilishumi nangomrhubhe, Ngokulubetha uhadi ngofefe.
  
4. Ngokuba uyandivuyisa, Yehova, ngomsebenzi wakho, Ngezenzo zezandla zakho ndinokumemelela.
  
5. Azizikhulu izenzo zakho, Yehova! Zinzulu kakhulu iingcinga zakho.
  
6. Isityhakala asinakwazi; Isinyabi asikuqondi oko.
  
7. Ekudubuleni kongendawo njengomfuno, Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga, Kukuze batshabalale ngonaphakade.
  
8. Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade.
  
9. Ngokuba uyabona, iintshaba zakho, Yehova, Ngokuba uyabona, iintshaba zakho ziva kutshabalala; Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga.
  
10. Uyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu; Ndigalelwe ioli entsha.
  
11. Iliso lam liyababonela abandilalelayo, Indlebe yam iyabeva abasukela phezulu kum benobubi.
  
12. Amalungisa aya kudubula njengesundu, Aya kukhula njengomsedare weLebhanon.
  
13. Etyelwe nje endlwini kaYehova, Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu.
  
14. Aya kuhluma eselenezimvi, Aya kuba etyebile, eluhlaza;
  
15. Ukuze axele ukuba uthe tye uYehova, Uliwa lam, kungekho bugqwetha kuye.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES