Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 91

Bible Study - Psalms 91 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ohleli esitheni lOsenyangweni, Azilalise emthunzini kaSomandla,
  
2. Uthi kuYehova, Hlathi lam, Mboniselo yam, Thixo wam, endikholose ngaye!
  
3. Ngokuba ngokwakhe uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli, Endyikityeni yokufa eyeyelisayo.
  
4. Wokugubungela ngeentsiba zakhe, Uzimele phantsi kwamaphiko akhe. Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe.
  
5. Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini;
  
6. Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu.
  
7. Kungawa iwaka ecaleni kwakho, Isigidi ngasekunene kwakho, Kodwa kungasondeli nto kuwe.
  
8. Wokhangela ngamehlo akho odwa, Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo.
  
9. Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam. Umenze Osenyangweni ikhaya lakho.
  
10. Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho.
  
11. Ngokuba izithunywa zakhe uziwisele umthetho ngawe, Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke.
  
12. Zokuthwala wena ngezandla zozibini, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.
  
13. Wonyathela phezu kwengonyama nephimpi, Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo.
  
14. Ngokuba enamathele kum, ndomsiza; Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam.
  
15. Wondibiza, ndiphendule, Ndoba naye embandezelweni; Ndomhlangula, ndimzukise;
  
16. Ndimanelise ngemihla emide, Ndimbonise ukusindisa kwam.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES