Bible Study: FrontPage




 

Psalms, Chapter 96

Bible Study - Psalms 96 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Vumani kuYehova ingoma entsha, Vumani kuYehova, nonke hlabathi.
  
2. Vumani kuYehova, bongani igama lakhe, Shumayelani iimini ngeemini iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.
  
3. Balisani ezintlangeni uzuko lwakhe, Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo;
  
4. Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene; Uyoyikeka yena ngaphezu koothixo bonke.
  
5. Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu.
  
6. Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla nokuhomba engcweleni yakhe.
  
7. Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla;
  
8. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Thwalani umnikelo, nize ezintendelezweni zakhe.
  
9. Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele, Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi.
  
10. Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani, Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi, Uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye.
  
11. Liya kuvuya izulu, Ligcobe ihlabathi; Luya kugquma ulwandle, nenzaliseko yalo.
  
12. Liya kudlamka ilizwe, nento yonke ekulo, Ize imemelele yonke imithi yehlathi
  
13. Phambi koYehova, ngokuba esiza, Ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Nezizwe ngokunyanisa kwakhe.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES