|
|
Psalms, Chapter 97
1. UYehova ngukumkani; liyagcoba ihlabathi, Ziyavuya iziqithi ezininzi.
2. Ngamafu nesithokothoko ngeenxa zonke kuye, Bubulungisa nokusesikweni ummiso wetrone yakhe.
3. Kuhamba umlilo phambi kwakhe; Ulenya ababandezeli bakhe ngeenxa zonke.
4. Ikhanyisa elimiweyo imibane yakhe; Uyabona umhlaba, uzibhija-bhije.
5. Iintaba zinyibilika njengomthwebeba phambi koYehova, Phambi kweNkosi yehlabathi lonke.
6. Izulu lixela ubulungisa bakhe, Zilubone uzuko lwakhe zonke izizwe.
7. Badanile bonke abakhonza umfanekiso oqingqiweyo, Abaqhayisa ngeento ezingento; Bayamnqula bonke oothixo.
8. Iyeva, iyavuya iZiyon, Ziyagcoba iintombi zakwaYuda, Ngenxa yemigwebo yakho, Yehova.
9. Ngokuba nguwe, Yehova, Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke; Unyukile kunene ngaphezu koothixo bonke.
10. Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi. Umgcini wemiphefumlo yabenceba bakhe Uya kubahlangula esandleni sabangendawo.
11. Ukukhanya likuhlwayelelwe ilungisa, Novuyo baluhlwayelelwe abantliziyo zithe tye.
12. Vuyani ngoYehova, malungisa, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.
|
|
Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.
|
| |
| This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com |
|
|
|
SELECT VERSION
COMPARE WITH OTHER BIBLES
|
|