Bible Study: FrontPage




 

Romans, Chapter 12

Bible Study - Romans 12 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.
  
2. Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.
  
3. Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo nalowo umlinganiso wokholo.
  
4. Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye kuKristu, sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
  
5. Sinezibabalo nje ke ezahlukahlukileyo, ngokobabalo esababalwa ngalo,
  
6. nokuba sinokuprofeta, masiprofete ngokomlinganiselo wokholo;
  
7. nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo;
  
8. nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabayo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.
  
9. Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.
  
10. Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;
  
11. mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani;
  
12. mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani;
  
13. mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.
  
14. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.
  
15. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
  
16. Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu.
  
17. Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okuhle emehlweni abantu bonke.
  
18. Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.
  
19. Musani ukuziphindezelela, zintÂ’anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.
  
20. Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.
  
21. Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES