Bible Study: FrontPage




 

Romans, Chapter 13

Bible Study - Romans 13 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo.
  
2. Ngoko ke olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo; abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa.
  
3. Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi. Unga akungeloyiki na ke igunya? Yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo;
  
4. kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba usuka wenze okubi, yoyika; kuba alifumane laliphatha ikrele, kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi.
  
5. Kungoko ndithi, kufuneka ukulilulamela, ningakwenzi oko ngenxa yengqumbo yodwa, nikwenze nangenxa yesazela.
  
6. Kuba kukwangenxa yoko eninikela irhafu; kuba ngababusi bakaThixo, bezingisa ukusebenza loo nto.
  
7. Ngoko bonke banikeni okubafaneleyo; mnikeni irhafu ofanelwe yirhafu, unikelo ofanelwe lunikelo, ukoyika ofanelwe kukoyikwa, imbeko ofanelwe yimbeko.
  
8. Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana; kuba omthandayo omnye uzalise umthetho.
  
9. Kuba oku kuthi, Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze ungakhanuki, nokuba kukho wumbi umthetho, uhlanganiselwe kweli lizwi lokuthi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
  
10. Uthando alusebenzi bubi kuye ummelwane; ngoko uthando luyinzaliseko yomthetho.
  
11. Ke oko masikwenze, silazi nje ixesha eli, ukuba lilixa lokuba ngoku sivuke ebuthongweni; kuba ngoku usindiso lukufuphi kuthi, kunokuya saqalayo ukukholwa.
  
12. Ubusuku buhambile, ukusa ke kusondele. Masiyilahle ngoko imisebenzi yobumnyama, sixhobe iintonga zokukhanya.
  
13. Masihambe sizibekile ngokwasemini; kungabi sezindywaleni nasekunxileni; kungabi sekuphimiseni naseburheletyweni; kungabi sezinkanini nasemoneni.
  
14. Yambathani ke iNkosi uYesu Kristu; ize ukwazalelela inyama ningakwenzeli ukukhwezelela iinkanuko zayo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES