Bible Study: FrontPage




 

Romans, Chapter 2

Bible Study - Romans 2 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Kungoko ndithi, Akunakuziphendulela, mntundini ugwebayo, nokuba ungubani; kuba ngokugweba omnye, uzigweba kwawena; kuba wena ugwebayo wenza kwaezo zinto.
  
2. Siyazi ke ukuba isigwebo sikaThixo siwa ngokwenyaniso phezu kwabo bazenzayo izinto ezinjalo.
  
3. Ucinga na ke, mntundini ugweba abo bazenzayo izinto ezinjalo, ube usenza kwazona nawe, ukuthi, uya kusisaba na wena isigwebo sikaThixo?
  
4. Okanye uyabudela na ubutyebi bobubele bakhe, nonyamezelo, nokuzeka kade umsindo; ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni?
  
5. Ke uthi, ngokuba lukhuni kwakho, nentliziyo yakho engenanguquko, uziqwebele ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo;
  
6. oya kuvuza ulowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe:
  
7. abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, abavuze ngobomi obungunaphakade;
  
8. ke kwabo beyelenqe, bangayithambeliyo inyaniso, basuke bathambele intswela-bulungisa, kuya kubakho umsindo nengqumbo,
  
9. imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi, kowomYuda ukuqala, kwanakowomGrike;
  
10. kubekho uzuko ke, nembeko, noxolo, kubantu bonke abasebenza okulungileyo, kumYuda ukuqala, kwanakumGrike.
  
11. Kuba kuThixo akukho kukhetha buso.
  
12. Kuba bonke abonileyo bengenamthetho, baya kutshabalala ngokunjalo bengenamthetho; nabo bonke abonileyo benomthetho, baya kugwetywa ngomthetho;
  
13. kuba asingabanela ukuba ngabaphulaphuli bawo umthetho, abangamalungisa kuThixo; ngabenzi bawo umthetho abaya kugwetyelwa.
  
14. Kuba xa abeentlanga bathi, bengenamthetho, benze ngemvelo okomthetho, abo, bengenamthetho nje, bangumthetho kubo ngokwabo:
  
15. bona bawubonakalalisayo umsebenzi womthetho, ubhalwe ezintliziyweni zabo, sibe isazela sabo singqinelana nawo, zibe izicamango zabo zimangalelana, ziphathe kuziphendulela.
  
16. Kuya kuba njalo mhlenikweni uThixo aya kuzigweba izinto ezifihlakeleyo zabantu, ngokweendaba zam ezilungileyo ngoYesu Kristu.
  
17. Uyabona, wena unegama lokuba ungumYuda, wayame ngomthetho; uqhayisa ngoThixo;
  
18. uyakwazi ukuthanda kwakhe; uzicikida izinto ezahlukeneyo, uwutyelwe umthetho;
  
19. kananjalo wena ukholose ngokuthi uNokeli weemfama, ulukhanyiselo lwabo basebumnyameni,
  
20. umluleki wabaswele ukuqonda, umfundisi weentsana, onesimilo sokwazi nesenyaniso emthethweni.
  
21. Ndithi, wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi? Wena ke uvakalisa ukuthi, makungebiwa, uyeba?
  
22. Wena ke uthi, makungakrexezwa, uyakrexeza? Wena ke ukruqukileyo zizithixo, uphanga iitempile?
  
23. Wena ke uqhayisa ngomthetho, uyamhlazisa uThixo ngokugqitha umthetho?
  
24. Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kwazo iintlanga, njengoko kubhaliweyo.
  
25. Kuba ulwaluko luyanceda okunene, ukuba uyawenza umthetho; kodwa ukuba ungumgqithi womthetho, ulwaluko lwakho lusuke lwaba kukungaluki.
  
26. Ngoko ke, ukuba ongalukileyo uthi azigcine izimiselo zomthetho, akuyi kuthi na ukungaluki kwakhe kubalelwe ekuthini kukwaluka?
  
27. Kuthi ukungaluki, oko kwasemvelweni, ngokuwuzalisa umthetho, kukugwebe wena ungumgqithi-mthetho, noko unesibhalo nolwaluko?
  
28. Kuba umYuda asingulowo unguye ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni;
  
29. umYuda ngulowo wasemfihlekweni, nolwaluko lolwentliziyo ngomoya, kungengantetho: yena ukudunyiswa kwakhe kungaphumi bantwini, kuphuma kuThixo.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES