Bible Study: FrontPage




 

Romans, Chapter 3

Bible Study - Romans 3 - Xhosa - Xhosa Bible - Web
 
 
 
Comment!       Comment Disqus!
  
1. Ugqithisele ngantoni na ngoko umYuda kwabanye? Kunceda ntoni na ukwaluka?
  
2. Kukhulu, ngeendlela zonke. Kuba ke, ukuqala, baphathiswa izihlabo zikaThixo.
  
3. Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ukungakholwa kwabo kokuphuthisa na ukuthembeka kukaThixo?
  
4. Nakanye! UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho, Weyise ekumangalelweni kwakho.
  
5. Ke ukuba ukuswela-kulungisa kwethu kuqondakalisa ubulungisa bukaThixo, sothini na? Uswele ukulungisa na uThixo, lo uhlisa umsindo wakhe? (Ndithetha ngokomntu.)
  
6. Nakanye! Oko ubengathini na uThixo ukuligweba ihlabathi?
  
7. Ke ukuba inyaniso kaThixo iphuphumele ekuthini azukiswe ngobuxoki bam, ndisagwetywa ngani na mna ngokomoni?
  
8. Yini na ukuba singabi sesisithi (ngoko ke sinyeliswayo, ngoko ke abathile bathi, sithi thina), Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo? abakugwetywa kuyeleleyo.
  
9. Kuthiweni na ke? Sinomkhusane na? Hayi, unakanye! Kuba besesiwamisele ityala amaYuda kwanamaGrike, lokuba baphantsi kwesono bonke;
  
10. njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye;
  
11. Akukho uqondayo; Akukho umfunisisayo uThixo!
  
12. Bonke baphambukile; bephelele, abancedi lutho; Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye.
  
13. Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo, Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa. Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo.
  
14. Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra.
  
15. Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;
  
16. Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;
  
17. Nendlela yoxolo abayazanga.
  
18. Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.
  
19. Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.
  
20. Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.
  
21. Ngoku ke kubonakaliswe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti;
  
22. ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu, bube bobabo bonke, buphezu kwabo bonke abakholwayo;
  
23. kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;
  
24. begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu;
  
25. athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;
  
26. ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu.
  
27. Luphi na ngoko uqhayiso? Luvalelwe ngaphandle. Ngamthetho mni na? Ngowemisebenzi na? Hayi! Ngomthetho wokholo.
  
28. Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho.
  
29. Kanene uThixo ungowamaYuda odwa na? Akanguye na noweentlanga? Ewe, ngoweentlanga nazo;
  
30. ekubeni emnye uThixo, oya kugwebela abolwaluko ngokwaselukholweni, nabangengabolwaluko ngalo ukholo.
  
31. Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye! Siyawumisa wona umthetho.


Search in:
Terms:

Vote and Comment on Facebook:Recommend This Page:
Post on Facebook Add to your del.icio.us Digg this story StumbleUpon Twitter Google Plus Post on Tumblr Add to Reddit Pin this story Linkedin Google Bookmark Blogger
Insert Your Personal Insight:

Please do not make mean comments and follow the biblical and spiritual character of this forum. If, however unpleasant situations arise, we request to flag it to us in order to evaluate the situation.

Text source: This text is in the public domain, downloaded from http://www.unboundbible.org, compiled by biblephone2008@gmail.com.

This project is based on delivering free-of-charge the Word of the Lord in all the world by using electronic means. If you want to contact us, you can do this by writing to the following e-mail: bible-study.xyz@hotmail.com


SELECT VERSION

COMPARE WITH OTHER BIBLES